


AMAGQABANTSHINTSHI
weNtetho yoBume
beSebe lezoLimo
noPhuhliso
lwaMaphandle ethe yenziwa
nguMphathiswa weli Sebe
uNonkqubela Pieters eBhisho. Imveliso yeenkozo
Ngenjongo zokukhulisa
imveliso yeenkozo kweli
leMpuma Koloni, iSebe
lezoLimo noPhuhliso
laMaphandle kunyakamali
ka2022/2023 ligxile kumalinge
okukhulisa amafama eenkozo amancinci.
Eli Sebe lithi lixhase
amafama eenkozo ukuba
kulinywe umbona kumhlaba oziihektare ezingamashumi amabini amawaka, iihektare ezingamawaka asibhozo zilinywe ngamafama aphuhlileyo.
Eli Sebe liqhayisa ngempumelelo yentsebenziswano yalo
kwakunye neenkampani
eziquka iDalasile AgriPark, Afrosaint, Luleka Mbethe Holdings kwakunye neUkhanyo Farmer Development nezinye. Ingxelo yeli Sebe ithi baxakeke begqula iinkampani ezifana neJohn Deer ukuba zikhulise intsebenziswano namafama asakhulayo.
KuCentane iWIPHOLD iyaqhubeka ukukhulisa amafama ngokudibanisa
imveliso yombona nenkomo zenyama kwiphulo elibizwa ngokuba yiTranskei Feed Kraal.
Imfuyo
Ukuveliswa kwemfuyo neemveliso eziphuma kwimfuyo zenza amashumi amahlanu anesihlanu eepesenti kwiphondo leMpuma Koloni. UPieters ukwasebenzise eli thuba ekhuthaza amafama
ukuba aqwalasele iindlela zokuthunyelwa kwemfuyo yawo kumazwe angaphandle. Ngonyakamali u2021/2022
amafama emfuyo aseMpuma
Koloni athumela iigusha ezingamashumi asixhenxe ananye amawaka kumazwe aseMbindi Mpuma. Oku kwenza ingeniso yemali engaphezu kwamakhulu
amabini ezigidi zeerandi. Ngonyakamali ka2023/2023 yimfuyo eqikelelwa kwishumi elinesine lamawaka ethe yathunyelwa kumazwe aseAfrika nethe yenza ikhulu elinamashumi amane anesine ezigidi zeerandi. Ukanti kunyakamali u2023/2024 yimali ekwizigidi ezilishumi elinesibini (R12.8M) elungiselelwe ukuphucula imihlambi equka iinkomo, bhokhwe kwakunye neegusha. Iindawo zokutyebisa imfuyo zona ziza kunika imali ekwizigidi ezibini zeerandi (R2.9M)
Imveliso yoboya
IMpuma Koloni yenze imveliso yobona ekumashumi
amathathu anesibhozo ekhulwini xa ithelekiswa namanye amaphondo oMzantsi Afrika.
Uboya beSeyibhokhwe obuphuma kweli phondo bukumashumi asibhozo anesithathu ekhulwini.
Kunyakamali u2020/2021
kubekho ukuhla okumandla kwixabiso lekhilogram yoboya isuka kumashumi asixhenxe eerandi yaya kuwa kumashumi amane anesixhenxe ngokwekhilogram.
SIYABULELA MQIKELA
SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA
BUKHO kwaye buyacaca ubungqina bokuba angena ngamandla amafama amnyama kwimveliso yeorenji kweli leMpuma Koloni.
Oku kungqinwe nguMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso laMaphandle kuzwelonke uThoko Didiza ngethuba encokola neEntsimini kumcimbi wamafama emveliso yeorenji eGqeberha.
“Ewe, akhona amafama amnyama kwimveliso yeorenji kweli leMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika, kodwa ke singatsho okokuba asembalwa lawo athumela iimveliso zawo kwihlabathi,” kutsho uDidiza.
UDidiza ebeyinxalenye yomcimbi wamafama weemveliso zeorenji obubanjelwe eBoardwalk eGqeberha nalapho athe wenza intetho ephambili.
“Xa uthelekisa inani
lamafama amnyama avelisa iimveliso zeorenji nelo
lamafama amhlophe ambalwa ngenene amnyama, kodwa ke zikhona iinzame ezenziwa ngurhulumente ukukhulisa inani lamafama mnyama,” kutsho uDidiza.
Uthi amafama amnyama ebedinga umhlaba wokulima kwamhlamnene, uthembisa ukuba bayawuqwalasela lo mcimbi. “Enye ingxaki esidibana nayo amafama amnyama awafumani nkxaso kwiinkampani ezizimeleyo,
ukuze akwazi ukufaka izinto zokutyala nokunkcenkceshela,” kutsho uDidiza. Uthi unethemba lokuba isicwangciso seCitrus Growers Association siza kwenza umehluko ngenene ukuze amafama amnyama abone umahluko.
“Kwisicwangciso sabo sika2060 bathi bajonge ukuqinisekisa ukukhula kwamafama, nokunyusa inani lemveliso yeOrenji zeli ezithunyelwa kumazwe angaphandle,” utsho uDidiza.
Engqina oku, uMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso laMaphandle eMpuma Koloni, uNonkqubela Pieters, uxelele iEntsimini oku.
“Ngamashumi amathathu anesibhozo amafama amnyama asele engene ngokucacileyo kwimveliso yamaorenji kweli leMpuma Koloni, amanina mahlanu kuphela kwelo nani,” kutsho uPieters.
Ingxelo kaPieters ithi la mafama ubuninzi bawo aphuma kwisithili saseNelson Mandela neSarah Baartman.
Uthi iMpuma Koloni ibekele bucala imali engamashumi
amahlanu ezigidi zeerandi nejoliswe ukukhulisa amafama asakhasayo kweli phondo.
“Sikwiphulo lokwandisa umsebenzi wamafama asaqalayo kule mali, singurhulumente sibinze ngamashumi amabini anesihlanu ezigidi, enye imali iphuma kwiEastern
(ECDC),” kutsho
UZukile Mgudle ulingqina lokuba
ngenene
amafama
amnyama kwimveliso yeorenji kweli leMpuma
kaMgudle uthi
uneminyaka engaphezu kwamashumi amathathu engumfama weorenji kwifama yakhe iRipplemead eNgqushwa.
“Into esizidla ngayo kuyo yonke le nto kukuba amaorenji wethu athunyelwa kumazwe angaphandle minyaka le, singenisa imali yamanye amazwe eMzantsi Afrika, sikwadala amathuba emisebenzi kwabanye abantu,” kucacisa uMgudle.
Uthi ngenxa yokukhula
kwemveliso yabo yeorenji, bona nabasebenzi babo bayakwazi ukubeka ukutya etafileni.
“Ingxaki nje esinayo kukuba uncedo lukarhulumente lithatha ixesha ukuza kuthi, lifika sele umonakalo umkhulu, kodwa siyalifumana uncedo nenkxaso kurhulumente,” kutsho uMgudle. UHeadman Manyonta ngumfama weorenji kwifama iOakdale eBalfour, uthi zikhona
Kwiinzame zokuphucula imveliso yoboya ngonyakamali 2022/2023 ziindawo zokuchebela ezingamashumi amabini ezithe zakhiwa kuMasipala waseAlfred Ndzo, Amathole, OR Tambo, Chris Hani, Joe Gqabi naseSarah Baartman.
Yimali ekumashumi amabini anesine ezigidi zeerandi (R24 M) ekulindeleke ukuba yakhe iindawo zokuchebela kulo nyakamali u2023/2024.
Impilo yezilwanyana
Zizilwanyana ezingaphezu kwesigidi ezithe zagonywa ngelithintela izifo nokunaba kwazo kweli kunyakamali u2022/2023.
Kunyaka mali u2023/2024 eli Sebe lithi lizimisele ukusebenzisa imali ekumashumi amane anesine ezigidi zeerandi (R44 M).
Ngenxa yokukhathalelwa kwempilo yezilwanyana, iMpuma Koloni iphakathi kwamaphondo angakhange afunyanwe sisifo somlomo esibhuqe izilwanyana kwamanye amaphondo.
Imveliso yenkukhu
Yimali ekwizigidi ezine nesiqingatha (R4.2M) ekulindeleke ukuba isetyenziswe ngurhulumente weMpuma Koloni ngenjongo zokukhulisa ukuveliswa kweehagu eAlfred Ndzo naseSarah Baartman.
Yimali eqikelelwa kwizigidi ezine zeerandi (R4.6 M) ekulindeleke ukuba isetyenziswe ukukhulisa imveliso yenkukhu kwiMpuma Koloni ngokubanzi.
iingxaki abadibana nazo ezithibaza ukukhula kwabo.
“Ngaphandle kwale mfazwe yaseUkraine neRussia sibethwe kukuguqulwa kwemithetho yokwamkelwa kwemveliso yethu lilizwe laseSpain, ngoku kwenziwa olu tshintsho lilizwe laseSpain imithwalo ibisele isezinqwelweni elwandle,” utsho ekhathazekile uManyonta.
SIYABULELA MQIKELA
SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA
UKUQHUBA
inkqubo yezolimo kunomathotholo ngomnye wemisebenzi engelula
kubasasazi nanjengoko kufuneka ubani axhobe ngolwazi oluhambelana neemfuno zamafama. UElvis Mali woMhlobo Wenene usasaze le nkqubo ngempumelelo ukusukela oko wathi wangena ezihlangwini zikaSaba Mbixane. Iinguqu ezizayo kuMhlobo Wenene
angabaphulaphuli boMhlobo
Wenene.
“Ndikwalisebenzisile ithuba
lokuba amafama afumane ulwazi ngokuwadibanisa neenkqubo zokuphuhliswa kolwazi lezakhono zawo, isixhobo sokuqala iyinkqubo yezolimo,” kucacisa uMali. Uthando, ulwazi nomdla wakhe kwezosasazo luhlutshezwe emva ekhayeni lakhe eMakhanda ngeminyaka yoo1998.
“Ndiqale ukusebenza
kunomathotholo ekhaya eMakhanda kwisikhululo sasekuhlaleni iRadio Grahamstown, oko kwandivulela amathuba amaninzi kusasazo,” uthethe watsho uMali.
Uhambisa athi ukungena kwakhe kwinkqubo yezolimo wazibona eyenza ngempumelelo ngenxa yendlela edalwe ngayo.
“Ngethamsanqa ndancedwa kukuthanda kwam ukufunda, kwanokufuna ukwenza izinto ezininzi endinokukwazi ukuzenza,” utsho uMali.
Wenza elombulelo kumafama ngokumxhasa nokumfundisa izinto ezininzi ngezolimo.
“Ndinqwenela ukubulela kubo bonke abo bathe bandixhasa, bandikhulisa ngethuba ndisenza inkqubo yezolimo, ndifunde okuninzi,
bendisebushushwini kumafama,” uhambisa atsho uMali.
Uthembisa ukuba uyakuhlala efumaneka ukunika uncedo kumafama ngamaxesha onke.
UGqirha Mfundo Maqhubela ongumphathi kwiziko lophando iDohne eCumakala, uyawungqina umsebenzi omhle kaMali kumafama eMpuma Koloni.
“Ulinene ebelisenza inkqubo yezolimo ngempumelelo, uwafunde lula kakhulu amagama esiwasebenzisayo nenzululwazi yezolimo ngenxa yendlela enza ngayo izinto,” kucacisa uMaqhubela.
Uthi uMali ebenobuqili bokugcina abaphulaphuli benkqubo yezolimo bemamele, behamba nenkqubo yakhe.
“Ebemthanda amafama, oku kungenxa yokuba ebede maxa wambi awatyelele kwiindawo asebenzela kuzo, lo nto ibimenzela isidima kumafama eMpuma Koloni,” kutsho uMaqhubela.
Ukusuka ngecala emva kwentsimbi yesine ekuseni ilizwi likaMali liyaziwa ngamafama athetha isiXhosa kuMhlobo Wenene exhobisa, ecebisa, ekwakhuthaza amafama ukuba aqhubeke nomsebenzi wokuvelisa ukutya.
Abafundi bezolimo eTARDI befumana iziqinisekiso
Siyabulela Mqikela
Siyabulela.Mqikela@acM.co.za
ElinyE lamaziko amadala afundisa izifundo zolimo
eMpuma Koloni
iTsolo Agriculture and Rural Development institute, ingene kwisivumelwano sentsebenziswano
neUnited nations
Food and Agriculture
Organisation.
Eli ziko lelokuqala
kweli loMzantsi
Afrika ukuba lingene kwisivumelwano esinje
nogalel’ ebhayini
wombutho okhuthaza
iinkqubo zokuveliswa kokutya kwihlabathi (UnFO).
Oku kubhengezwe
nguMphathiswa
weSebe lezolimo
noPhuhliso laMaphandle
eMpuma Koloni
ngethuba kuthweswa iziqinisekiso kubafundi
abangamashumi amane
anethoba abagqibe
izifundo ngempilo yezilwanyana.
“Kuyandivuyisa
ukwazisa ukuba iTARDi
ibonwe njengelona
ziko lifanelekileyo
ukuba lingangena
kwesi sivumelwano neZizwe eziManyeneyo,” uthethe watsho uPieters.
Kuthwa abafundi abathe
bayinxalenye yesi sivumelwano
baza kufundiswa nzulu
ngempilo yezilwanyana ukuze
bakwazi ukuzimela kamva.
“Kokokuqala kweli
loMzantsi Afrika ukuba kubekho into elolu hlobo, yinto enkulu ukuba iTARDi ifumane elivelatanci ekulindeleke ukuba litshintshe izinto,” utsho uPieters.
Kuthwa abafundi bokuqala abaza kungena kwesi sivumelwano baza kuqala ngenyanga kaCanzibe besuka eTARDi nakwiyunivesithi yoMntla ntshona.
“ngamashumi amahlanu bebonke aba bafundi baza kuthatha inxaxheba apha,
amashumi amabini anesihlanu wabo baza kuphuma apha eTARDi, baze abanye baphume kwiyunivesithi yaseMntla ntshona,” utsho uPieters. Oyinqununu yaseTARDi, uGqirha Toyota ndudane, utyunjwe ukuba abe yinxalenye yegqiza eliza kujongana nokukhuliswa kwamalinge okuphucula impilo yezilwanyana phantsi kweli phulo.
“Uza kuba yinxalenye yegqiza leengcali eziphuma
kwihlabathi eliza kuqinisekisa ukukhuliswa kweli phulo, nguye oza kukhokela iintlanganiso eziqhutywa zezi ngcali,” utsho uPieters.
UGqirha ndudane
uqhayisa ngomsebenzi wakhe owenza ukuba ela ziko libe ngungqaphambili kwimfundo yezolimo eMpuma Koloni nakuzwelonke. “ngamashumi amathandathu ekhulwini eepesenti abafundi abaphuma apha eTARDi abathi baqeshwe
kurhulumente nakwiinkampani zabucala ukusukela ngonyaka ka2015,” kuqhayisa undudane. UGqirha ndudane nguye kuphela olinina oyinqununu yeziko lezifundo zolimo eMpuma Koloni. “ingcebiso yam kuluntu kukuba ube ngoyena mntu unika umdla eluntwini, ubonakalise izakhono zakho nezinto ozithanda ngenene ukuze nabanye abantu bafunde okuthile kuwe,” utsho ndudane. UGqirha lubabalo Mrwebi oligqala loGqirha wezilwanyana ungusihlalo webhodi elawulayo kwiziko laseTARDi, emva kokuthatha umhlalaphantsi kwiSebe lezolimo noPhuhliso laMaphandle. Ulilitha Xhumana ngumfundi othe waqhuba kakuhle kunabo bonke eTARDi ngokweziphumo zakhe, uyinzalelwane yaseMqanduli. “ibiluhambo olungelula, bekunzima kakhulu, kufuneka ukuba ufunde ukuncama okuthile ukuze ubone impumelelo nokuzinikezela emsebenzi wakho,” kutsho uXhumana. UXhumana uthi uza kusebenzisa ulwazi lwakhe ukukhulisa nokuphuhlisa indawo azalwa kuyo nephondo ngokubanzi.
Siyabulela.Mqikela@acM.co.za
Zikhule ngeepesenti ezine ekhulwini iimveliso zolimo zeli ezithe zathengiswa kumazwe ehlabathi kunyaka ophelileyo u2022.
ingxelo yeAgricultural Business Chamber ithi ezi mveliso zinyukile nangona kukho iingxaki ezininzi ezingumqobo kumafama. umbona, iwayini, idriwa, neorenji, amandongomane, ama-apile, amapere, iswekile, avocado kwakunye neemveliso zoboya zezona zithe gqolo ukungena kumazwe ehlabathi ziphuma eMzantsi Afrika. ezi mveliso zithunyelwe kwiimalike ezahlukeneyo zehlabathi emva kokukhula kwemfuneko yazo kuloo mazwe ehlabathi.
Ngamashumi amathathu anesixhenxe eepesenti emveliso zeli ezithunyelwe kumazwe aseAfrika ngokutsho kweAgbiz. ilizwekazi laseAsia lona lithenge iimveliso zoMzantsi Afrika ezikumashumi amabini anesixhenxe ekhulwini leepesenti ngonyaka ka2022. Amazwe aseYuropu wona
athenge umyinge weepesenti ezilishumi elinesithoba leepesenti.
Oyingcali yezoqoqosho kwaAgbiz, uWandile Sihlobo, uthi kukho ithemba lokukhula nangakumbi kwiimveliso zeli ezithunyelwa kwihlabathi.
“umbona omninzi weli uthunyelwe kakhulu kumazwe aseAfrika nakumazwe aseAsia, logama iimveliso zeziqhamo zeli zithunyelwe ngamandla kweminye imimandla yehlabathi,” kucacisa uSihlobo.
Amafama amnyama asakhulayo kwezolimo awangeni ngokwaneleyo kwinqanaba lokuthumela iimveliso zawo kumazwe ehlabathi xa kuthelekiswa nogxa babo abamhlophe.
“iingxaki zokuhanjiswa kwemithwalo ezithe zavela kwizibuko lasekapa ziphazamise ukuthunyelwa kwewayini neziqhamo ezithile kwihlabathi,” kutsho uSihlobo.
Nangona kunjalo, uncoma etyibela intsebenziswano eyenzeke phakathi kwamafama kwakunye namagosa kaRhulumente.
“intsebenziswano ebiphakathi kwabakwaTransnet kwakunye namafama incede
ukuphungula iingxaki, kwatsho kwavuleka unxibelelwano, ngenxa yoko yahamba imithwalo,” uncoma atsho uSihlobo.
izibuko laseThekwini lichazwe ukuba lelona lithe labaneengxaki ezininzi ezingaphezu konyaka ophelileyo, ingakumbi malunga nokuthunyelwa kwemithwalo yeorenji.
ilizwe laseChina lithenga uboya beli ngamashumi asixhenxe eepesenti ekhulwini logama ilizwekazi laseYuropu lona lithenga iimveliso zeorenji zeli ngamanani aphezulu.
kunyaka ophelileyo, ilizwe loMzantsi Afrika lithumele ngamandla iimveliso eziquka ingqolowa, inyama yenkukhu kwakunye nobhelu lomsele kwilizwekazi laseYuropu,’’ kutsho uSihlobo.
uPaul Makhube yena yingcali yezoqoqosho lezolimo kwibhanki yakwaFirst National Bank.
“kunyaka obuzele iingxaki nemiqobo ebiphazamisa umsebenzi, ezolimo kweli zibonise ubunganga ngokuqhubeka zithumela iimveliso ezininzi kumazwe ehlabathi,” kutsho uMakhube.
uMakhube uthi kukho ithemba lokukhula kwenani leemveliso zeli ezithunyelwa kwihlabathi nakulo nyakamali ka2022/2023.
“Ngenxa yokuhla kwamaxabiso okuhanjiswa kwemithwalo ngeenqanawe kulindeleke ukuba ukhule umthamo wemveliso zeli ezithunyelwa kumazwe ehlabathi kulo nyakamali,” kutsho uMakhube. kusenjalo, uNaliya Stamper onguMphathi weZibuko laseMonti uthi bavule indawo yokuthunyelwa kombona nengqolowa kwizibuko laseMonti. “Sivule emva kokuba besivale isithuba seminyaka emibini ngenxa yokuhla kwezinga lokuthunyelwa kwemveliso kumazwe ehlabathi,” kutsho uStamper. esenza iNtetho yoBume
beSizwe kwinyanga ephelileyo, uMongameli weli uCyril Ramaphosa uncome ukukhula nokuqina kweemveliso zeli kwiimalike zehlabathi. “Nangona kukho iingxaki ezininzi ezijongene namafama wethu, kodwa iimveliso zolimo ziqhuba kakuhle kwihlabathi,” utshilo.
Cwayita.NoNdula@aCm.Co.za
Ezolimo sisiseko soqoqosho, kwaye ukubandakanya abantu abatsha kubalulekile ukulikhulisa, kunye nokubonelela
uluntu ngokutya nokuvula amathuba emisebenzi kubantu abatsha.
Yintoni enokwenziwa ukukhuthaza abantu abatsha ukuba bazibandakanye ngakumbi kwezolimo?
Siqokelele izimvo malunga nokubandakanyeka kolutsha kwezolimo kwiqela labafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo kwingingqi yase Amathole.
Abafundi aba baphuma kwezi zikolo Healdtown, Dalubuhle, iHector Petersen, iPhandulwazi kunye nesikolo sase-Eyabantu. Aba bafundi bebeyinxalenye yocweyo ebeliqhutywa yiAgriSeta namahlakani wayo ngeenjongo zokuhlupheza abafundi nolutsha ukuba babone ezolimo njengekamva eliqaqambileyo. Ezi ziimbono zabo.
Kwakutheni ukuze
UKungawo Ndikhethe ezolimo njengesifundo emveni kokuba ndenze uhlalutyo, ndafumanisa ukuba
ngezolimo ndiyakwazi ukutshintsha ihlabathi nendlela esenza ngayo
UEsona: Ndikhethe ezolimo kuba ndibona amandla
okuba ezolimo zitshintshe
isinika ukutya, inyama yezilwanyana nezinye iindlela zolimo. ukukhathalela okusingqongileyo nokuqonda izityalo nezilwanyana ezihlala apha nendlela yokuzikhathalela. : Ndikhethe ezolimo kuba ndiyakonwabela ukusebenza nezilwanyana kunye nokulima. Ekukhuleni kwam, ndandidla ngokuncedisa utatomkhulu efama, nto leyo eyandenza ndanomdla
USazi: Ndikhethe ezolimo kuba umakhulu ebefundisa ezolimo, kamnandi ngezolimo, lo nto yandenza ndanomdla.
UAmahle Ndikhethe ezolimo kuba zingumthombo wobomi.
Ngunobangela
ULindokuhle Ndifunde ngokulima phambi kokuba ndingene kwisikolo samabanga
Singayinciphisa intlupheko ngezolimo, kwaye akunyanzelekanga ukuba uqale ngokubonelela kwiivenkile ezinkulu; ungaqala kancinci. inyathelo lokuqala yaba kukwenza isigqibo sokufunda kwezolimo ukuze ndonelise umdla wam ngalo nokufunda ngakumbi. UMhlenkosi Abazali bam bebeziphilisa ngokulima, kwaye ndiyintombazana yasefama ekhulele efama. Ndikhethe ezolimo kuba buyindlela yobomi kum; ezolimo zibalulekile kuqoqosho lwethu. Ndinqwenela ukufaka isandla ekomelezeni uqoqosho lwethu. Ndikhethe ezolimo kuba zingumthombo wobomi. Ngunobangela
USinesipho: aninzi amathuba kwezolimo, yiyo lonto ndikhethe zona. Umzekelo, maninzi amasimi kwindawo endihlala kuyo abantu abangawasebenzisa, kodwa abakwazi ukwenza oko ngenxa yokunqongophala kwezakhono zolimo.
Ukuze ndibancede basebenzise le mihlaba kwaye babeke isonka etafileni, ndifuna ukufunda ngakumbi ngezolimo.
UIviwe: Nanjengoko ezolimo ziqulethe ubutyebi bolwazi kwizihloko ezahlukeneyo, ndinomdla kwezolimo ukuze ndiqhubele phambili uluntu nelizwe
Leliphi icandelo
lezolimo onomdla kulo
UKungawo: Ndiyawathanda amahlathi nanjengoko ephucula icandelo kwaye ekhuthaza
UEsona: Ndithanda amahlathi neenkukhu. Sifunda ngemekobume emahlathini, kwaye
siye sibone ukubaluleka kweenkukhu ekufuyweni kweenkukhu.
UAlulutho: Ndiyakonwabela ukufuya. Ngokomzekelo, iinkomo zibonelela umhlaba ngobisi nenyama. Ulimo lubalulekile ngeendlela ezininzi. USazi: Nantoni na ebandakanya izilwanyana. Ndandisalusa
ndisakhula kuba kwasenza kwalula ukuba silale sinento esiswini. Yiyo loo nto ndinomdla wokufuya imfuyo. UAmahle Ndikhetha amahlathi. Kubomi bethu bemihla ngemihla, imithi iluncedo kuba isinika izinto ezifana nefenitshala esiyisebenzisa yonke imihla. ULindokuhle iHorticulture yeyona nto ndinomdla kuyo kwezolimo njengoko isivumela ukuba siphucule iinkqubo zethu zokulima ngokunciphisa
gcina izityalo ziphila, yehlisa izinto ezikhutshwayo eziyingozi eziphuma kwindawo esingqongileyo ezonakalisa imveliso yethu. UMhlenkosi Ndinomdla kwiaquaculture. Sithetha nje sijongene nengxaki yamanzi kwihlabathi jikelele, kwaye ezinye iintlobo zezilwanyana zisengozini yokuphela kwiminyaka ezayo.
Esona sizathu siphambili sokuba ndibe nomdla kwi-aquaculture kukugcina ezi zilwanyana. USinesipho Umakhulu wam ongasekhoyo wayenegadi wayedla ngokucela ukuba sinkcenkceshele izityalo zakhe, yiyo lo nto ndinomdla kwiziqhamo
kokusweleka kukamakhulu, igadi ayizange ihoywe; ndifuna ukufunda ngakumbi ngezolimo ukuze ndikwazi
UIviwe: Ndifuna ukunqanda ukuzingela
akulunganga
ukuba abantu
bakuthi bazibulale ezi
zilwanyana kuba zibalulekile
Ezi zilwanyana ziyinxalenye yendawo esingqongileyo kunye
nenkcubeko yethu.
Xa isilwanyana esifana nomkhombe sibulewe, umzekelo, indenza ndibe buhlungu kakhulu kuba bezikhona ezi zilwanyana ngaphambi kwabantu kwaye kunyanzeleke ukuba sibekho
xa singasekho. Ukuze izizukulwana ezizayo zizibone, kufuneka sizigcine.
Lithini icebiso lakho kubantu abatsha abacinga ukuba ulimo asilolwabantu abatsha?
UKungawo: Ndicebisa
ukuba benze uphando kuba ngokungathandabuzekiyo
bayakufumanisa ukuba ulimo lunamandla
okuguqula ihlabathi nokuphucula indlela izinto ezenziwa ngayo. : Ndicebisa ukuba abantu abatsha bazibandakanye nezolimo ukuze bafunde ngakumbi ngokutya esikutyayo nemvelaphi
Ulimo ayisiyo nto yabadala kuphela; yeyabantu abaselula. Ukuba awunqweneli ukunxiba amacandelo anganyanzeli ukuba unxibe iigumboots. iqaqobana labantu abatsha abasebenza kwezolimo, kwaye sidinga abangakumbi. UAlulutho Ulimo asilolwabantu abadala qha. unika abantu abatsha amathuba kwaye lisise kwiindawo esingazange sicinge ukuba singaya kuzo, njengaphesheya. Ezolimo ziyakhula rhoqo, ngoko ke abantu abatsha kufuneka bazibandakanye.
USazi: Ezolimo kulapho imali ikhoyo. Ungasebenza kwezolimo kwiofisi yakho; ayikokuba ungcole kuphela. UAmahle: Siphila ngezolimo. nzululwazi yezolimo ngumjikelo njengoko isichaphazela mihla le, iyasinceda, kwaye isinika ukutya esikutyayo. Ulutsha kufuneka luthathele ingqalelo ezolimo ngenxa yoku. : Asinakukwazi ukuba neengcinga zamandulo kuba izinto zitshintshile, kwaye ngoku siphila kwihlabathi lanamhlanje. Kunceda ntoni ukubanga ukuba ulimo alunamsebenzi xa lubalulekile ekukhuliseni uqoqosho lwethu? Nangona sinempahla kwilizwe
lethu, sizithenga ngexabiso eliphezulu zisuka phesheya kweelwandle. masizifundise ukuze siqonde ngcono ihlabathi elisingqongileyo; kufuneka sibe yinguqu esinqwenela ukuyibona. Ukusebenza eofisini kukwayinxalenye yezolimo, wasemasimini kuphela.
UMhlenkosi: Siyabona kuyo yonke imbali ukuba asinakwenza nto ngaphandle kokuba izandla
Ukuba sithi asifuni kuthabatha nxaxheba kwezolimo kuba ziza kusingcolisa, ngubani oza kuthabatha inxaxheba kwezolimo? Silikamva. Yiba
USinesipho: Ndifuna abantu abatsha bangabinantloni ngokulima
bangakholelwa ukuba baza kunxiba iigumboots. Sitya ngenxa yezolimo, ngoko ke lubaluleke kakhulu.
Ulutsha kufuneka lube nembono eyahlukileyo ngezolimo kuba ziyasinceda kwaye zisinika amathuba
UIviwe: Ulimo lubaluleke kakhulu kuba luvelisa ukutya esikutyayo nempahla esiyinxibayo.
Ezolimo asikokuzingcolisa entsimini kuphela; ukusebenzela ukutya kwakho kunokuba nemveliso ngokunjalo.
Uqoqosho lwethu luxhomekeke kwicandelo lezolimo.
koku ngaba:
UKungawo luse ofunda eHealdtown
Comprehensive High School, uEsona Ningi noAlulutho Ngcibi
baseDalubuhle High School, uSazi litha
Doyle noAmahle mbontsi baseHector
Petersen High School, ulindokuhle myoyo nomhlenkosi Hans basePhandulwazi
Agricultural High School
kunye noSinesipho
mariko noiviwe Nxawe baseEyabantu High School.
Siyabulela Mqikela
Siyabulela.Mqikela@acM.co.za
IInkomo zohlobo
lweLimousin zezinye
zeenkomo eziphambili
kweli lomzantsi Afrika
kwaye zivelisa inyama esemgangathweni.
Ingxelo ithi olu hlobo
lwenkomo luvela kwindawo ebizwa ngokuba yiLimousin nemarche kwelaseFransi.
kumaxesha angaphambili
yayisaziwa njengenkomo
yokumelana nembalela, kodwa emva kwexesha le nkomo iqatshelwe ukuba iqulethe inyama esemgangathweni njengezinye iinkomo zenyama.
Ezi nkomo ziqatshelwe
kwilizwe laseFransi ngonyaka ka1886, emva kokuqatshelwa kwazo laye lehla inani lazo.
ngonyaka ka1960 ezi
nkomo bezikumakhulu
amabini namashumi amahlanu amawaka.
ngenxa yokuthandwa
nokufunwa ngamafama weli
lomzantsi Afrika zanyukela
kumanani aphezulu emva koko.
Ukukhula kwenani
leenkomo zeLimousin
emzantsi Afrika kwanyanzelisa
ukuba kusungulwe umbutho
wamafama avelisa olu hlobo
lwenkomo.
kwilizwe laseFransi
iLimousin ihleli kwindawo
yesibini ngokuba yeyona
nkomo ivelisa inyama
ephambili kwela lizwe.
ngonyaka ka1791 umfama
wenkomo uJacques-Joseph
Saint martin wabonakalisa
umdla wakhe kwezi nkomo, oku kwenza ukuba kusungulwe
iinkqubo ezahlukeneyo ezathi
zatsala umdla wamafama kwezi nkomo zeLimousin.
ngeminyaka yoo1900
ingingqi yaseLimousin eFransi yajongana nengxaki yokukhula okumandla kwezi nkomo nangona zazikho iingxaki.
Iinkomo zeLimousin zivelisa ubisi oluphantsi kakhulu, oku kwenza ukuba ifakwe kuluhlu lweenkomo zenyama.
kwiinzame zokuphucula olu hlobo lwenkomo yeLimousine, amafama avelisa iinkomo
eFransi adibanisa incindi yofuzo yale nkomo neyeAgenais, norman neyeCharolais.
oku kwenza ukuba uphucuke ngamandla umgangatho wenkomo yeLimousin ingakumbi iimpawu zenyama esemgangathweni.
Inkomo yeLimousin ekhule
ngokupheleleyo yayifikelela
kubunzima obungamakhulu
amathathu ukuya kumakhulu
amathathu namashumi
amahlanu eekhilogram.
Iinguqu ezenziwa ngamafama neengcali zempilo yezilwanyana yabangela inguqu
enkulu kubunzima nodidi
lwenyama yeLimousine.
ngonyaka ka1862
kwathengiswa inkomo yohlobo lweLimousin ebunzima bungamakhulu amathandathu eekhilogram kumfama waseParis.
Ukuvela kwemfazwe
yokuqala yehlabathi
kwabangela ukuphazamiseka
okumandla kwiinzame zokukhuliswa kwale nkomo kwilizwe laseFransi.
Inani nomgangatho weenkomo zeLimousin wehla ngokumandla kuloo minyaka yokuqhubeka kwemfazwe yokuQala yeHlabathi.
Ezi nkomo zeLimousin zifike kweli lomzantsi Afrika ngonyaka ka1974, umthwalo wazo wokuqala wavela kwilizwe laseFransi, zakhawulezisa ukukhula ngamanani kakhulu emva koko.
Zinkomo zeLimousin ezilishumi elinanye lamawaka ezikhoyo kweli ngokwengxelo yonyaka ka2012.
Umbutho wamafama iLimousin Cattle Breeders Association of South Africa wasungulwa ngo1986 ngenxa yokukhula kwamanani wale nkomo kweli.
kungoku nje le nkomo iyenye yezihamba phambili kweli kuluhlu lweenkomo ezivelisa inyama.
Iinkomo zeLimousine zifumaneka ngemibala emibini, zimnyama okanye zibomvu ngokwebala lazo. kunqabile ukuba uzifumane zixube umbala omnyama nobomvu kumzimba omnye, koko ziba mnyama okanye zibe mhlophe.
Eli lomzantsi Afrika linenani elihle leenkomo zeLimousin. kule nyanga yokwindla umbutho iDevlan Limousin kunye neDante Deo Limousin iqhube intengiso yasesidlangalaleni yezi nkomo eRhawutini.
SIYABULELA
MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZAIzithako
AMATISPUNI amathathu weoyile yomnquma. Amatispuni amathathu weRosemary echoliweyo. Amatispuni amabini wethyme anqunqwe ngokucolekileyo.
Itispuni elinye lesipayisi nesenzelwe inyama yegusha
Itispuni elinye lesipayisi sepaprika
Itispuni elinye letyuwa
Ihafu yetispuni yesipayisi yephepha elimnyama
Amaqatha asibhozo enyama yegusha anqunqiweyo
Amagaqa amathathu egalika enqunqiweyo
Indlela yokuyenza
Dibanisa umxube wezithako zakho zonke.
Dibanisa amatispuni amathathu weoyile yokupheka, irosemary, tyhme, isipayisi sesteak and chops, paprika, ityuwa, iphepha elimnyama
negalika ecoliweyo kwisitya sakho. Zamisa udibanise ezi zithako zide zibonakalise ukuba ziyadibana ngenene.
Beka amaqatha wakho wenyama yegusha asibhozo kwisitya sakho sokubhaka, ufafaze ngezincasanisi ozithandayo.
Fudumeza ipani oza kupheka ngayo inyama, kanti naleyo uzakuyisebenzisa ukupheka umxube wezithako zakho.
Beka isitovu sakho kumyinge wobushushu obungamakhulu amabini namashumi amabini anesibini (222).
Oku uyakukwenza isithuba semizuzu elishumi elinesihlanu kuphela ukuze ukhuphe inyama yegusha encamise ngencasa.
Qiniseka ukuba iqatha ngalinye liyafikelela kwizithako zonke ozifake epanini yakho, oku ukwenza ukuze amaqatha akho afane ngencasa.
Esi sidlo singaxhanyulwa ngamalungu wosapho aqala kwisibhozo ukuya eshumini, kwaye ungasikhapha nangezinye izityo ezihambelana nenyama yegusha negalika.
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA
ILIZWE laseEthiopia lihamba phambili kwilizwekazi laseAfrika ngokuvelisa ubusi obunencasa nesongo esimumethe izondlo zomzimba.
Ngamashumi amahlanu anesihlanu amawaka weetoni zobusi obuveliswa kwela lizwe nobuthi buthunyelwe kumazwe aseAfrika nakwihlabathi. Ukuveliswa kobusi ngamazwe aseAfrika lelinye ithuba elitsha elinokuqatshelwa ngamafama asakhulayo. Imfuneko yobusi baseEthiopia iyakhula xa ithelekiswa neminyaka engaphambili, kwaye ubusi busetyenziswa ngeendlela ezininzi.
Ubusi butyiwa bukrwada, logama bukwasetyenziswa njengeyeza xa kusenziwa imixube equka izigulo ezifana nokhohlokhohlo.
Ngonyaka ka2015 imveliso yobusi kwihlabathi yafikelela kwisigidi seetoni kwihlabathi jikelele. Xa kusenziwa iimveliso zokubhukuza ulusu ubusi buyasetyenziswa, oku kubangela ukunyuka kwentengo yobusi kwihlabathi jikelele. Ilizwe laseEthiopia lilandelwa lilizwe laseTanzania ngokuvelisa ubusi obuninzi kwilizwekazi laseAfrika. Ilizwe laseTanzania livelisa ubusi obukumyinge weetoni ezisibhozo zamawaka
lilandelwa lilizwe laseKenya. Ubusi baseEthiopia buxabisa ngaphezu kwexabiso leoyile ngokuphindwe kathathu. Umbutho weZizwe eziManyeneyo (UN) uthi
iindlela ezintsha zokuveliswa kobusi ezincediswa yitheknoloji ziza kwenza ukuba ikhule imveliso yobusi eAfrika nakwihlabathi. Nangona emaninzi amazwe aseAfrika avelisa ubusi, kodwa ilizwe laseEthiopia lihamba lodwa
ngokuvelisa ubusi obufika kumgangatho owamkelekileyo
kwihlabathi. Le ngxelo ithi
kukho ingxaki ezintsha
adibana nazo amafama wobusi
eAfrika nakwihlabathi, kodwa
azithibazi ukukhula kwemveliso yobusi okwangoku. Ilizwe laseMelika ligagene
nengxaki yokufelwa zinyosi ngenxa yokusetyenziswa
kwamachiza ahlukeneyo
kwiifama zela lizwe. Ilizwekazi laseAfrika ingakumbi iEthiopia
ayikhange ibenayo ingxaki elolu hlobo ngenxa yendlela ezahluke
ngayo iinyosi zaseAfrika. Kukho
iingxelo zokuba iinyosi kweli
laseAfrika zidalwe ngendlela
eyenza ukuba zikwazi ukuphila zoyise amachiza asetyenziswa
kwiifama eziphila kuzo ezi nyosi. Ezinye iingcali zithi ukungasetyenziswa ngamandla
kwamachiza ngamafama
aseAfrika sesinye sezizathu
zokuphila kweenyosi kweli. Ukufuya iinyosi yenye yendlela
zokukhula entsha ingakumbi kumafama amnyama eMzantsi Afrika nakumazwe aseAfrika ngokubanzi.
Ilizwe laseEthiopia lingakwazi ukuvelisa ubusi obuqikelelwa kumakhulu amahlanu amawaka eetoni xa kunokuphuculwa nangaphezulu indlela ekuqhutywa ngayo imveliso yobusi.
IEthiopia ihleli kwindawo yesine kwihlabathi ngobunganga bokuvelisa ubusi, ilandela emva kwamazwe afana neChina, Turkey neArgentina.
Ukanti ilizwe laseEthiopia likwayinjinga yokuvelisa iindidi zenkomo eziphambili kwihlabathi. Iinkomo zohlobo lweAnkole ziyafumaneka eEthiopia kwaye kuthwa zikumgangatho omhle xa zithelekiswa namanye amazwe aseAfrika.
Ilizwekazi laseAfrika lihamba phambili kwihlabathi ngokuvelisa ubusi obuqulethe izakhamzimba nobuncwane obufunwa yimpilo yomzimba.
Ubusi busetyenziswa ekutyeni nakwizithako zokuthambisa ulusu kwabo bathanda ubuhle, ukanti maninzi amayeza enziwa ngemveliso yobusi kwihlabathi.
Ngamawaka amabini eetoni ubusi obuveliswa lilizwe loMzantsi Afrika, kodwa kukho imfuneko yobusi obuziitoni ezingamawaka amathathu kweli lizwe.
U-Inga Qeja ngumfama wemifuno eMbokothwana kuTsolo, ukwangumnikazi wenkampani iBhayi Holdings.
UQeja ngomnye wamafama alulutsha ozinikele kakhulu kumsebenzi wakhe wokulima esenza imali.
“Ukuqala kwethu kwisithuba seminyaka emithathu egqithileyo sasisebenzisa umhlaba oyihektare enye kuphela, ngoku sinomhlaba oziihektare ezimbini,” kucacisa uQeja.
Uthi balima benethemba lokuba kulo nyaka bangahle bafumane umhlaba oziihektare ezingamashumi amabini ukuze bakwazi ukunabisa umsebenzi wabo.
“ndinqwenela ukusungula ubuhlobo noPotatoe Sa kwakunye neUkhanyo Farmers Development ukuze ndivelise nombona,” utsho uQeja.
UQeja uvelisa ispinatshi, ikhaphetshu, ibhathanathi logama ekwangumfuyi weegusha neehagu.
“Ukulima nokufuya kufana nje nobizo kum, ndilityaziswe kukoyika ukuqala kuba ndingafuni kuqala into engazukuphumelela,” kutsho uQeja.
Lo kaQeja uphakathi
kwamafama asakhulayo athe achongwa kwiimbasa ezijoliswe ukukhuthaza abo bazama ukuphila ngokuzenzela ezibizwa ngokuba ziEastern Cape Hustlers awards.
Uthando lokulima kuQeja luhlutshezwe zizinto ezininzi eziquka iindawo ezahlukeneyo akhulele kuzo.
“Ukuhamba phakathi kweMpuma Koloni nePhondo laseKZn kundinike inkuthazo enkulu, bendihlala ndibona ifama eKokstad, Xopo naseRichmond ndikhuthazeke,” uhambisa atsho uQeja.
Uthi ebehlala enemibuzo ngokungasetyenziswa komhlaba ezilalini zakuTsolo ukuze kuveliswe ukutya.
“Kukho ifama ezinze phezu komlambo uMkhomazi ibihlala iluhlaza ngawo onke amaxesha, yenye yezinto ezindikhuthaze ukuba ndithande ukulima ngamandla,” kutsho uQeja. UQeja uqale ukusebenza ngo2020 evelisa iinkukhu kodwa ngenxa yokusilela kwenkxaso yokutya kweenkukhu akazange akwazi ukuqhubela phambili.
“Icebiso lam kuye nabani othi uyakuthanda ukulima nokufuya kukuba uqalise kwangoko, ezinye izinto uza kuzifunda logama uqhubeka nomsebenzi wakho wokulima nokufuya,” utsho uQeja.
Usebenzise umhlaba wosapho lwakhe ukuze akwazi ukuqalisa ukulima.
“Enye yezinto eziphambili xa ufuna ukulima kukuba uqiniseke ukuba unawo umhlaba, amanzi nendlela efanelekileyo,” uyacebisa uQeja. ngenene amafama asaqalayo amaninzi ayawudinga umhlaba wokuba aqalise ukusebenza, wambi kuwo abolekwa umhlaba wethutyana okanye ngengqesho.
“Xa usebenza kwindawo engenazindlela zihambekayo, xa kunetha uba nengxaki yokungakwazi kuthumela iimveliso zakho kubathengi, le yenye yengxaki efuna ukuqwalaselwa kwangoko,” utsho uQeja.
Iimveliso zolimo zikaQeja zithengiswa kwiivenkile eziquka uSpar, Boxer nezinye ezizimeleyo kuQumbu nakuTsolo.
Ukukhula kwenani lamafama alulutsha lithemba lokuba ziyakhula iinzame zokuvelisa ukutya eMpuma Koloni nakuMzantsi afrika. Iinzame zamafama afana noQeja zingabangela ukuhla kwamaxabiso okutya ezivenkileni.
UQeja uncokole ngomsebenzi wakhe wokulima kwakunye noKwanda nyazeka weagriculture and Young yodumo kwezolimo.
Inqanawe iBelsouth kwiZibuko laseMonti, ingenye yeenqanawa ezimbini zombona eziphuma kumazwe angaphandle ezizokuhambela kweli zibuko.Ixesha lokugqibela izibuko laseMonti limisa iinqanawa zombona ibingunyaka ka-2011. Le nqanawa inomthamo we-317754 yeetoni ezithunyelwa kumazwe angaphandle. Izibuko laseMonti lilindele ukunyukwa kwenani lwempahla ethengwe nevela kumazwe angaphandle, kunye nokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Iiinjini zomoya eQumrha: Iinjini zomoya zisebenza kumgaqo olula: endaweni yokusebenzisa umbane ukwenza umoya—njengefeni—iiinjini zomoya zisebenzisa umoya ukwenza umbane. Umoya ujika iincakuba ezifana ne-propeller ze-injini yomoya ujikeleze i-rotor, ejikeleza ijenereyitha, eyenza umbane. Lomfanekiso . Umfanekiso: BHEKI RADEBE