Thursday, September 29 2022 AFRICA COMMUNITY MEDIA | Head Office tel: 021 488 4911 | a dvertising te l : 021 488 4238 Zintle Nkomo uyinkuthazo kulutsha UZintle Nkomo ongumhlohli wezoLimo noQoqosho kwiziko lokuqeqesha abelimi iTsolo Agricultural and Rural Development Institute kuTsolo. UGqirha weziLwanyana uwongwe ngembasa IBonsmara libhongo loMzantsi Afrika Kwiphepha 3 2 6 Ukuveliswa koboya beegusha 7
Siyabulela Mqikela 082 968
siyabulela.mqikela@acm.co.za
Mushfieldt 084 251 1876 lauren.mushfieldt@acm.co.za
Nwabisa Nompunga nwabisa.nompunga@acm.co.za
Entsimini abides by a professional code of conduct, which prescribes that news must be reported in a truthful, accurate, fair and balanced manner. If we don’t live up to the code, please email complaints@inl.co.za or visit www.independentmedia.co.za
kokusebenza njengoGqirha wezilwanyana iminyaka engaphezu kwamashumi amathathu, uGqirha Lubabalo Mrwebi uwongwe ngembasa enikwa imbeko ngomsebenzi wakhe.
“Ndiyifumene imbasa kwiSouth African Society of Veterenary Epidemiology and Preventive Medicine, kuqatshelwa umsebenzi endiwenze kwisithuba seminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe,”
kucacisa uMrwebi.
EMVAUthi le mbasa igxile ngokukodwa kwigalelo lakhe kwinkonzo ejongene nempilo yezilwanyana, neenzame zokuthintela izifo ngamachiza kwizilwanyana. “Ndiqale ukubanguGqirha weziLwanyana ngo1991 ndiphuma kwiYunivesithi iMedical University of Southern Africa (Medunsa). Ndichithe ubomi bam bonke bokuphangela ndisebenza kwiinkonzo zoluntu ndizinze kweli leMpuma Koloni,” utsho uMrwebi.
Ukusukela ngonyaka ka1991 ukuya ku2000, uMrwebi usebenze enceda amafama emfuyo asaqalayo kooMasipala abaquka iMnquma, iMbashe, Alfred Nzo, Chris Hani kwakunye neJoe Gqabi.
UMrwebi yinzalelwane yaseCumakala eCacadu, eMalahleni. Ephuma kwikhaya elivelise oogqirha.
“Ngo2000 ndiye ndanikwa igunya lokuba ndikhokele icandelo elijongene nempilo yezilwanyana kwiMpuma Koloni yonke, apho ndisebenze kwada kwango2017,” uqhayisa atsho uMrwebi.
Ngenxa yamacebo akhe nokuzinikela kwakhe kumsebenzi wokukhathalela impilo yezilwanyana wabutshintsha ubomi
bamafama eegusha eMpuma Koloni.
“Ngeenzame zam ndikwazile ukuphucula umgangatho nomyinge woboya obuphuma kumafama asezilalini, oko ndikwenze emva kokwenza ifuthe elicacileyo ndicebisa kwiSebe,” uhambisa atsho uMrwebi.
Ngokuzinikela kwakhe kwinkonzo yempilo yezilwanyana, amafama asezilalini anolwazi olubanzi ngeendlela zokufuya ezihambelana nala maxesha ngenxa yemisebenzi yakhe.
“Kwimbali yobomi bam bokusebenza, ndidlale indima enkulu ngexesha ekwakuvele izifo ezithathu ezaziliphethe kakubi eli leMpuma Koloni noMzantsi Afrika, ezo ziquka isifo somlomo ngo2001, umkhuhlane wemfuyo ngo2004 owaqhambuka eSomerset East nomkhuhlane weehagu ngo2005, zonke ezi ntlekele zalawulwa ngempumelelo emva kwedabi leminyaka emibini,” ugadlele watsho uMrwebi.
Uthi uyazingca ngenene xa ekhangela emva kumsebenzi awenzileyo ovule amathuba nakwabanye ooGqirha bezilwanyana.
“Ndiyazingca ngenene ngenxa yeenzame ezenze ukuba kube lula kwabanye ooGqirha ukuba baye kufunda
kumazwe angaphandle, abanye babo babuye beza kusebenza kwakweli leMpuma Koloni,” ezingomba isifuba utsho uMrwebi.
UGqirha uJotelo Soga waba nguGqirha weziLwanyana wokuqala omnyama emva kokuncanca ulwazi kwilizwe laseSkotilani nawathi kamva waza kusebenza kweli loMzantsi Afrika.
Njengabo bonke abelusi, umalusi wolusa, akhulise, akhusele umhlambi athi emva kwemini axwaye ibhatyi agoduke.
“Ndithathe umhlalaphantsi ngonyaka ka2019,” uvalelise ngelitshoyo uMrwebi.
Ukukhula kwemveliso yoboya, ukuphucuka kwemihlambi equka iinkomo kumafama asakhasayo eMpuma Koloni, zezinye zeziqhamo zomsebenzi omhle owenziwe nguGqirha Mrwebi.
Ngenxa yomsebenzi wakhe wokukhathalela izilwanyana, uMrwebi wanikwa igama elithi nguGqirha weeHagu kwilali azalwa kuyo eCumakala nakuninzi lweelali zaseCacadu.
Ngenxa yeenzame nenkuthazo yakhe likhulile inani labantwana abamnyama abalandela izifundo zokubangooGqirha bezilwanyana eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika.
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
2
UGqirha weziLwanyana uwongwe ngembasa UGqirha Lubabalo Mrwebi ephethe imbasa yakhe IMINXEBA EBALULEKILEYO EBUFFALO CITY METRO Umbane: (043) 0505683 Amanzi Emonti: (043) 705 9234/9235; Mdantsane (043) 705-9860/9861; Eqonce (043) 604-8506 Umlilo: (043) 705 9000/9097 Iindlela: (043) 705 9220/9223 Ulahlo Lwenkukuma: Emonti (043) 721 1980/1969; Mdantsane (043) 705-9900; Eqonce (043) 604 8455 Akhawunti: (043) 705 2000 Izibane Zesitrato: (043) 722 6407 Uncedo Laselwandle: (043) 705 5338 NSRI: (043) 700 2100, 0829905972 EMS: 10177 Dynamic Ambulance: 043 726 2225 Alderson’s Ambulance: 0860 223366 The distribution of Entsimini spans across the entire Eastern Cape with an up weighted fo us on key economically active regions. EDITOR Vukile Sonandzi 071 105 5838 vukile.sonandzi@acm.co.za ENTSIMINI PROJECT LEADER
1608
ADVERTISING Lauren
DISTRIBUTION
ZINTLE NKOMO UYINKUTHAZO KULUTSHA
UZINTLE
Nkomo ngumhlohli wezoLimo noQoqosho kwiziko lokuqeqesha abelimi iTsolo Agricultural and Rural Development Institute kuTsolo.
Ungumzekelo onokulandelwa lulutsha kweli. Uninzi lolutsha loMzantsi Afrika alukabuboni ubutyebi obuqulethwe zezolimo nokufuya olutyebe yimikhakha eyahlukeneyo.
“Izifundo zezolimo endizenze eGrootfontein zakhethwa ngabazali, ingakumbi utata, azizange zikhethwe ndim, kodwa kamva ndaye ndakhulelwa kukuyithanda yonke le nto kuba ndandizithandela izilwanyana mna,” utsho uNkomo.
Kunqabile ukuba abazali bakwazi ukukhethela abantwana babo izifundo ngempumelelo, kodwa usapho lakwaNkomo lakwazi ukumoyisa uZintle.
“Ngo2010 ndandihleli ndingafundi emva kokugqiba ibanga leshumi, utata wandifakela isicelo ngokwakhe eGrootfontein, ndaqala ukufunda ngo2011,” uhambisa atsho uNkomo.
Emva kokumamela nokuthobela abazali bakhe, uNkomo waqala waqhuba ngempumelelo kwizifundo zakhe kwezolimo eGrootfontein.
“IGrootfontein yiKholeji yezolimo eseMetele, utata ebeyibona xa evela eKapa le Kholeji kuba ebengumsebenzi waseKapa ixesha elide,” ucacisa atsho uNkomo.
IKholeji yezolimo iGrootfontein ihamba phambili kweli leMpuma Koloni ngokuvelisa iingcungela zabelimi nabafuyi, amagosa okukhathalela imfuyo nezinye iingcali zolimo nokufuya.
“Ukufika kwethu apha
izinto ngezandla, ndakhulelwa kukuyithanda ngamandla yonke le nto,” utsho uNkomo.
IGrootfontein ihlohla izifundo ngolwimi lwesiBhulu,
isiNgesi, kodwa oku konke kwenzeka ngempumelelo.
“Abafundi abamnyama bebesebenzisa isiNgesi, logama abamhlophe
bebesebenzisa isiBhulu, yonke lo nto ibisenzeka ngaphandle kwengxaki, sixhamla sonke ngokulinganayo,” kucacisa uNkomo.
Enye yeenkqubo eziphambili eGrootfontein yimveliso yeebhokhwe zohlobo lweAngora eziqulethe uboya obukwixabiso eliphezulu kakhulu kunelo legusha.
“Kwela ziko kufundiswa zonke izinto ezihambelana neendlela ezininzi zokulima nokufuya, xa ufunde khona uphuma uxhobe ngokwaneleyo,” utsho uNkomo.
Uthi ulimo nokufuya sisixhobo sokugqibela ukujongana neengxaki zeli xesha lokugqibela.
“Ezolimo azinakuze ziphelelwe nokuba kwenzeka ntoni, kuyakusoloko kuveliswa ukutya, ngenxa yoko kuya kusoloko kuqeshwa ubantu bokuvelisa ukutya,” ucebise ngelitshoyo uNkomo.
Kumaxesha angaphambili, ukubangumhlohli wezolimo bekusenziwa ngabantu abadala kuba kusithwa akuhambelani nolutsha.
“Akukho sizathu sokuba sishiye iilali sisiya ezidolophini, ungaziqalela into yakho ezilalini kuba umhlaba ukhona, yonke into iqala kancinci, singakwenza oko sineenjongo zokuba sikhulise imeko yezimali yasekuhlaleni,’’ uyacebisa uNkomo.
Ngethuba edibana neEntsimini ebehamba neqela labafundi bakhe baseTARDI, ebonakalisa umdla kumsebenzi wakhe wokubangumhlohli wezifundo zolimo noqoqosho.
“Inxalenye yezifundo endizenzileyo zezo zixhobisa ngendlela zokuziqalela ishishini lokulima okanye ukufuya ngaphandle kokuya kukhangela umsebenzi,” utsho uNkomo.
Icebiso lakhe eliphambili kumafama asaqalayo kukuba akhuthale kumsebenzi wawo ngeenjongo zokunyukela kwinqanaba elingasentla.
ngethuba sisenza ucweyo, sijikeleziswa kwela ziko laseGrootfontein siboniswa ukuba imfundo enikiswa phaya ihamba namava okwenza
UZintle Nkomo ngumhlohli wezolimo noqoqosho kwiziko lokuqeqesha abelimi iTsolo Agricultural and Rural Development Institute kuTsolo: UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
3 SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
UZintle Nkomo ngumhlohli wezolimo noqoqosho kwiziko lokuqeqesha abelimi iTsolo Agricultural and Rural Development Institute kuTsolo: UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Makugeleshwe mafama
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
IMVULA
ene kwiveki ephelileyo kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni noMzantsi Afrika inika ithemba nemvuselelo kumafama weli nanjengoko ilandela ubusika.
Imvula ine ngale nyanga kwakudala iyinkuthazo kumafama alimayo ukuba abuyele kwizixhobo zawo zokulima elungiselela ukulima.
Umyinge wemvula enileyo ubonisa ukuba umhlaba ungalungiswa ulungiselelwe ukutyala.
Ukanti kuloo mafama ebesele eqalile ukutyala izityalo zasehlotyeni ibe yintsikelelo engathethekiyo.
Eli lixesha lokuba kulungiswe zonke izixhobo zokuqalisa ukulimela ixesha lasehlotyeni ukuze
kusetyenzwe kumhlaba olungisiweyo nezixhobo ezifanelekileyo.
Ukulungiswa komhlaba kubaluleke ngamandla kuba izityalo ziyawuthanda umhlaba othambileyo, kuba xa uthambile umhlaba wenza ukuba kube lula ukungena kwamanzi.
Ukulungiswa komhlaba kwenza ukuba amanzi azinze emhlabeni logama esondla izityalo ngokufanelekileyo, oku kutsho kunike isivuno esihle.
Amafama akudala akwaXhosa ayesithi eli lixesha lokugelesha umhlaba, ukugelesha ke kukulungiswa komhlaba.
Oku kugeleshwa komhlaba kuhambiselana nokulungiswa kwezixhobo zokusebenza eziquka oogandaganda, amakhuba, iiyerhe, iiplantara nezikofolo nezinye ke
izixhobo.
Ukulungiswa kwezixhobo kuncedisa umfama ukuba angathengi izixhobo ebezithengile kunyaka ophelileyo.
Ukungathengi izixhobo ezitsha ke kwenza okokuba umfama onge imali esebenzisa ezo ebenazo.
Amakhuba aqiniswa iintsimbi, afakwe ioyile ukuze kungachithwa ixesha lokulima kujongenwe nezixhobo zokusebenza.
Oku kuyinxalenye yoqoqosho olubalulekileyo ukuba amafama ahlale ebeke imehlo kulo ukuze akhule kumsebenzi wawo wokulima.
Iimbewu ebeziveliswe kwisivuno sonyaka ophelileyo nazo zifuna ingqwalasela ngeli xesha. Imbewu ebigcinwe kunyaka ophelileyo kumele ukuba ngeli xesha
lentlakohlaza iqwalaselwe ukuba ikulungele ukusebenza.
Amafama weenkonzo ngawona amele ukuba enza ingqwalasela eyodwa kwiimbewu zawo, izixhobo nezinye izinto zokusebenza.
Amafama eziqhamo nemifuno nawo anoxanduva ngeli xesha lonyaka ukuba aqwalasele imithi yokuvelisa iziqhamo.
Amafama wemifuno kumele ukuba sele eqalile ukutyala ezo zityalo zihambelana nexesha lentlakohlaza ekhokelela kwintwasahlobo.
Imifuno ikhula igqibelele ngesithuba seenyanga ezintathu, ngoko le yinyanga yokuba imifuno ityalwe ukuze ngexesha lokuphela konyaka amafama avune imifuno.
Ukungaqwalaselwa kwezi zinto zibalulwe ngasentla kuchaphazela isivuno
samafama, wambi kuwo atyhafe engayazi ukuba iqale ndawoni ingxaki.
Eli lixesha lokuba amafama ajikeleze ekhangela izichumiso ezifanele imihlaba yawo, injongo ikukuba zingaphindwa iimpazamo zonyaka ogqithileyo. Oku kukonke kuthetha ukuba umsebenzi wokulima wenziwa unyaka wonke, kwaye oku kunceda ukuba umfama avune isivuno esisemgangathweni.
Eli lixesha lokuba amafama akhangele iimpazamo azenze kunyaka wokulima ogqithileyo, esalatha izinto ezingahamba kakuhle kunyaka ophelileyo.
Amalungiselelo aquka wonke abalulwe ngasentla enza ukuba umsebenzi wokulima kunyaka ngamnye uhambe lula, kuze ekugqibeleni kuvunwe isivuno esincumisayo.
4
Umfama omtsha uYondela Gqoli (27)
Siyabulela Mqikela Siyabulela.Mqikela@inl.co.za
UYondela Gqoli (27) ngumlimi osemtsha ozinze kuMasipala waseMzimvubu kwaBhaca.
Uzenza idini lokukhuthaza ulutsha ukuba lungene ngamandla kwezolimo nanjengoko esenza, eshiya izinto zobutsha bakhe.
“Isizathu sokuqala kwam ukulima kukuba ndaqaphela ukuba abantu batya ukutya yonke imihla, kwaye oko kutya kusuka ndaweni ithile ukuze kutyiwe ngabantu,” kuthetha uGqoli.
UGqoli unesidanga esikumgangatho weeonazi kwinzululwazi yeziTyalo noMhlaba.
“ngenxa yokuthanda ezolimo, ndazibona ndifunda esi sidanga, kwaye silikhubalo kumsebenzi wam wemihla ngemihla wokulima,” utsho uGqoli.
Uthi eyona nkuthazo anokuyinika ulutsha kukuba luzinikele ekufundeni kangangoko.
“ndifuna ukuxelela ulutsha ukuba ukuze luphumelele kwezolimo kufuneka lufunde yonke into ehambelana nale nto umntu afuna ukuyenza,” ucebise watsho uGqoli.
Uthi kubalulekile ukuqala ukulima nokufuya ngale nto unayo, okanye lo nto unokukwazi ukufikelela kuyo.
“ngokuhamba kwexesha, umfama uya kuzibona efikelela nakwezinye iinkalo eziphezulu zokulima nokufuya, eqale ngezinto anazo angafuni angafikeleliyo kuzo,"kucacisa uGqoli.
ngenxa yokuswela umhlaba, uGqoli uqale ukulima
kumhlaba omncinci kakhulu, kodwa njengawo onke amafama amnyama wanyamezela akanikezela.
“ndityala kumhlaba oziihektare ezimbini ngoku sithethayo, konke oko kungenxa yokuceba izinto kakuhle nokunganikezeli,”
utsho uGqoli.
Yinto eyazekayo kweli ukuba abantu abatsha abanamdla kwezolimo nokufuya, oku kungenxa yokuba ukulima nokufuya bakoyamanisa nokumbamdaka.
“Ukuqalisa ukulima nokufuya usemncinci
kubaluleke kakhulu kuba utsho ufumane ithuba lokulungiselela ikamva logama uthintela iingxaki ezinokuvezwa likamva,” kuthetha uGqoli.
lo kaGqoli uthi utyale ikhaphetshu, ispinatshi neetapile ekunye noogxa bakhe kumsebenzi wokulima kwaBhaca.
“Injongo ephambili kukuba silimele ukuthengisa kwiimalike ezinkulu, ukuze sikwazi ukuqesha abantu abaninzi kunabo sibaqeshileyo ngoku,” uthembisa ngelo uGqoli.
Uthi isicwangciso sexesha elide kukuba angene kwiimalike zehlabathi ethengisa iimveliso zakhe zemifuno.
“ndifuna ukuthumela iimveliso zam kumazwe asentshona, ukanti nelizwe laseMozambique lelinye esijonge ukufaka kulo iimveliso zethu, kuba kuthwa kukho imfuneko yeetapile enkulu eMozambique,” utsho uGqoli.
UGqoli wenze izifundo zakhe kwezolimo kwiziko lakudala lezolimo iFort Cox eXesi, waza kamva waya kufunda enelson Mandela University eGqeberha.
“ndikwangumsunguli weagriHlubi enjongo zayo ikukuphuhlisa amafama asakhulayo amnyama,” uvalelise watsho uGqoli.
Uthi ulimo nokufuya yindlela echanekileyo yophuhliso lwezimali ejoliswe kubantu abangathathi ntweni.
5
Umfama omtsha uYondela Gqoli
IBonsmara libhongo loMzantsi Afrika
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
INKOMO yohlobo lweBonsmara ihamba phambili kwiinkomo ezivelisa inyama kweli, kwaye iyimveliso yelizwe loMzantsi Afrika.
Le nkomo iveliswe ngobuchule bokudityaniswa kwencindi nguNjingalwazi uJan Bonsma. Ngenxa yomsebenzi omhle owenziwa yile Njingalwazi inguBonsma, le nkomo yathiywa ngegama lakhe.
Inkomo yeBonsmara iphuma kwindibanisela yencindi eyathathwa kwiinkomo eziquka iAfrikana kwakunye neHereford.
Ukusukela ngeminyaka yoo1800 eli loMzantsi Afrika lihamba phambili ngokuvelisa iinkomo ezenziwe ngendibanisela yeencindi ezahlukeneyo.
Imbali ithi injongo ephambili yokwenziwa kwale nkomo yayikukwenza imali ngokuthengisa iinkomo okanye inyama yenkomo zeBonsamara.
Kwiminyaka engaphantsi kwamashumi amabini anesihlanu ikhona le nkomo yeBonsmara, yazibonakalisa ngamandla kwiinkomo zenyama kweli.
UNjingalwazi uBonsma wenza uphando lwakhe, waza wathelekisa incindi eyavelisa iBonsmara ngonyaka ka1936 eRhawutini.
Le yenye yeenkomo ezidalwe zahambelana ncakasana neemeko zempilo eMzantsi Afrika eziquka imbalela, ingqele nezinye iinzima zoMzantsi Afrika.
IBonsmara SA Cattle Breeders Society yeli ithi okona
kubaluleke kakhulu ngale nkomo kukuba iziphendula zonke iimfuno zamafama afuya iinkomo zenyama.
Iinkomo zeBonsmara zivelisa inyama esemgangathweni ehambelana ncakasana nezinye iinkomo zenyama kodwa amafama wayo akholelwa ukuba itshotsha entla ngokuvelisa inyama esemgangathweni.
Inkomo yeBonsmara iyakhawulezisa ukukhula, ikhula igqibelele ngesithuba seenyanga ezilishumi elinesibini ukuya kwishumi elinesibhozo.
Kwigazi layo inkomo yeBonsmara iqulethe amashumi amabini anesihlanu ekhulwini kwiimpawu zenkomo yeHereford, logama iqulethe amashumi amabini anesihlanu ekhulwini yeempawu zenkomo
yeAfrikana.
NgeyeSilimela ngonyaka ka2022 inkunzi yenkomo yeBonsmara ithengiswe ngomyinge wezigidi ezibini ezinesiqingatha seerandi.
Amaxesha amaninzi inkomo yeBonsmara ziqhayisa ngombala obomvu, inkunzi, imazi namathokazi. Indlela eyakhiwe ngayo le nkomo yenza ukuba kube lula
ukuyibamba xa umfama efuna ukuyibamba eyiseza okanye esenza lo nto ayenzayo.
Kulula ukuyondla nokuyikhulisa xa ithelekiswa nezinye iindidi zenkomo yenyama.
Inyama yenkomo yeBonsmara ithambile, ibumanzirha logama ikwancamise ngencasa, kwaye ezi zezinye zempawu ezithandwa kakhulu ngamafama nabathengi benyama.
Imazi yeBonsmara ithatha isithuba seenyanga ezilithoba ukuthwala ithole layo esuswini, oku kuyenza ibe ngumahluko kuba ezinye iinkomo zithatha ixesha elingaphantsi.
IBonsmara izalwa ineempondo, kodwa ukulungiselela ukuba ikwazi ukulawuleka ziyashunqulwa iimpondo zayo isencinci, ngoko ke uninzi lwazo azinazo iimpondo.
Incindi yedlwezu leBonsmara lithengiswa ngeshumi elinesihlanu lamawaka eerandi ukuya kumakhulu amahlanu amawaka eerandi. Amadlwezi okanye incindi yeBonsmara iyathengiswa kwiindawo ezininzi eMzantsi Afrika nakwihlabathi, kwaye ngenxa yobunganga bale nkomo athengiswa ngemali ephezulu amadlwezu ayo.
Iinkomo zeBonsmara zisoloko zibonakala kwiintengiso zasesidlangalaleni kumaphondo nakumazwe angabamelwane. Ilizwe laseNamibia lelinye kumazwe amelene noMzantsi Afrika elihlala lithengisa esidlangalaleni iinkomo zeBonsmara.
Amathokazi
6
enkomo zeBonsmara Inkomo yeBonsmara idlisela ngobuhle bayo
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
OKUSEMGANGATHWENI
lemali ethe xhaxhe xa ethe wahlela ngendlela efanelekileyo
NGELI
xesha lokuchetywa kweegusha kubalulekile okokuba zithathelwe ingqalelo izinto ezinokuthi zenze ungcoliseko kuboya, nanjengoko zingunobangela wokuhla komgangatho woboya kunye nexabiso athi amafama athengise ngalo uboya emarikeni.
Uboya obungcolileyo benza ukuba abathengi boboya bathandabuze ukuthenga obo boya obuthe bachaphazeleka lungcoliseko, nanjengoko befumana isohlwayo esiqatha xa kuthe kufumaniseke ungcoliseko eboyeni obusuka eMzantsi Afrika buyokuthengiswa kumazwe angaphesheya.
Ziliqela izinto ezibangela ungcoliseko kuboya bamafama nanjengoko sisazi ukuba awona mafama aye achaphazeleka kakhulu kolu ngcoliseko ngamafama afuyele emaphandleni.
Xa ndinokubalula nje izinto ezithile ezihamba phambili ezinjenge peyinti neyona ingumngeni kakhulu.
Ipeyinti ilitsho ixabiso loboya lihle ngeyona ndlela nanjengoko kubanzima ukuba ihlambeke. Kungoko ke siye sicebise amafama ukuba angasebenzisi ipeyinti ukuzama ukuphawula iigusha zabo.
Xa sele kwenzekile ukuba uphawule ngepeyinti okanye umakishe ngayo kubalulekile okokuba uyichebe ngaphambi kokuba umfama ayokucheba eshedini.
Kolunye ungcoliseko ndingabalula iintambo zokubopha amabhali elusini, imisonto yeengxowa zezinye zezinto ezibangela ungcoliseko nezigatywa kakhulu ngabathengi boboya.
Kaloku zibangela umonakalo omkhulu kwiimatshini ezithi zihlambe uboya obuthengiswa kwiimarike zoboya.
Okunye okubalulekileyo ukuba amafama azi igusha yoboya ayibhuqisi nto leyo ethetha ukuba masizame ngandlela zonke ukungazifaki iigusha emasimini ukunqanda olu ngcoliseko.
Nanjengoko sisazi okokuba uboya begusha kulula ukuthatha itshungu, umhlabangula kunye nezinye izinto ezilikhula. Nazo ke ezo zinto zikwangunobangela wokuthoba ixabiso loboya emarikeni kwakunye nomngangatho woboya.
Ukuhlelwa koboya kubaluleke ngeyona ndlela kuqoqosho nakwimveliso yabo, kungoko kubalulekile ukuhlelwa kwegusha ezinorholofu kwiigusha ezinoboya obusemgangathweni.
Kaloku ixabiso loboya oburholofu lingaphantsi kwixabiso loboya obusemngangathweni kungoko siye sicebise amafama ukuba iigusha ezinorholofu zichetywe mva ukunqanda ungcoliseko.
Neegusha ezinoboya obumnyama kunyanzelekile ukuba bungahlanganiswa uboya bazo kwakunye noboya obusemgangathweni nto leyo iya kunikeza umfama ixabiso
Sisathetha ngorholofu njalo, kubalulekile okokuba izinja zingangeni ngaphakathi kwendlu yokuchebela kungenjalo amafama aya kufumana la rholofu simbiza ngokuba (Floating kemp).
Oko kuya kuthetha ukuba obo boya bekungafanelekanga ukuba bunaye lo rholofu. Olunye ungcoliseko endinqwenela amafama aluthathele ingqalelo lungcoliseko loboya ngomhlaba nengca. Olu ngcoliseko lubangelwa kukuchebela phandle ngenxa yokungabinazindlu zokuchebela.
Zama kangangoko ungcoliseko loboya lungabikho nangeyiphi indlela. Ungcoliseko lunegalelo kwixabiso loboya, lenza ilahleko kwimveliso yoboya nakwishishini. Amafama funeka aqinisekise okokuba alwenzeki ungcoliseko ngexesha lokucheba, ukuhlelwa uboya naxa bufakwa emabalini.
Indawo yokuchebela:
Coca indawo yokuchebela ngokupheleleyo phambi nangexesha lokuqhubeka nokucheba.
Abantu abatshayayo mabatshayele phandle kuba izitompi zecuba nemicinga yematshisi ingangena eboyeni yenze ungcoliseko.
Imisingizane yengca esuka emitshayelweni iyabenza ubungozi ngoko makusetyenziswe imitshayelo yeplastic.
Ukuhlelwa koboya Makususwe onke amabala aseboyeni okanye inombolo .
Uboya obumnyama abuvumelekanga apho kuchetyelwa khona , iigusha ezimnyama zingachetywa mva, xa sele bonke uboya bufakwe emabhalini.
Obu boya bentloko xa
ubujongisisa ufika buneenwele ingakumbi ezisuka apha ebusweni begusha kwenze ungcoliseko xa ubufaka kuboya besisu kuba uboya besisu bobona buqulathe imali eninzi.
Susa bonke uboya obunomchamo nobulongwe. Ukuhlohla uboya: Makusetyenziswe amabhali alungiselelwe ukufaka uboya kuphela .
Amabhali mawavuthululwe kujongwe okokuba akukho zinto zimdaka ngaphakathi, yonke lo nto mayenziwe phandle. Imisonto esemabhalini mayisuswe ngesikere.
Uboya mabungxalwe ngematshini eyenzelwe oko.
Xa ubhala ibhali lakho yenza ngobunono ukuze i-inki obhala ngayo ingaphumeli eboyeni .
Yohlula uboya ngephepha xa ukwibhali lokugqibela undibonise uboya obushiyekileyo. Usebenzise iphepha ilingenamfanekiso namagama.
Ubunzima bebhali lomzimba lube phakathi ko120180 kg.
7
UKUVELISWA KOBOYA BEGUSHA
xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx Amafama oboya ngothando echeba iigusha eNgqanda Iingxowa zoboya beli buthunyelwa kwilizwe laseChina
Baphila ngobisi lweebhokhwe eMpuma Koloni
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
UPHANDO
olwenziwe ziingcali zeZiko loPhando ngeziLwanyana neziTyalo iDohne, eCumakala, lubonisa ukuba amakhaya amaninzi eMpuma Koloni avelisa ubisi lwebhokhwe negusha ngamandla kunobisi lwenkomo.
Olu phando lwenziwe ngamagosa ela ziko ekhokelwe nguGqirha Jean Rust ngenjongo zokufumana ulwazi olubanzi malunga nokuveliswa kobisi eMpuma Koloni.
“Imveliso yobisi ngomyinge weelitha kwikhaya ngalinye eMpuma Koloni kwizithili ezahlukeneyo ibonisa ukuba luncinci ubisi lwenkomo kunelo lwegusha nebhokhwe kwiphondo ngokubanzi,” kutsho uRust.
URust uqhubela olu phando esebenza neengcali eziquka uMabutho Mkhungela kwakunye noTinashe Kumburai.
“Ukufumaneka lula, indlela elula yokuzifuya neendleko ezingephi ezichithwa kukufuya iibhokhwe neegusha, kudlala indima emandla ukukhuthaza amafama ukuba afuye olu hlobo,” ugadlele watsho uRust.
URust uthi kufuneka ukuba kwenziwe iindlela zokukhuliswa kwemveliso
yobisi lweebhokhwe neegusha eMpuma Koloni.
“Ngamakhaya angamakhulu amahlanu athe atyelelwa kuncokolwa ngemveliso yobisi kwizithili zoMasipala abaquka iAlfred Nzo, Amathole,Chris Hani, OR Tambo naseJoe Gqabi,” itsho ingcaciso kaRust.
Kuthwa kwisithili ngasinye bekuhanjelwa iilali ezintlanu, kuze kuhanjelwe amakhaya angamashumi amabini kwilali nganye.
“Iimpawu zekhaya elo, iindlela zokuvelisa ubisi nomyinge wobisi oluveliswayo zezinye zeendlela ezithe zaqwalaselwa ngethuba kubuzwa abantu emakhayeni abo,” utsho uRust.
Amakhaya angabanikazi bezi bhokhwe neegusha banemihlatyana engephi abadibana ngayo xa bedlisa imfuyo yabo.
“Esona sizathu siphambili sokusengwa kwezi bhokhwe kukuba abanikazi bazo benzela nje ukondla iintsapho zabo, amanani wazo iibhokhwe okanye iigusha zabo aphantsi kakhulu xa kuthelekiswa neenkomo,” uhambisa atsho uRust.
Ubisi lwebhokhwe kudala luyinxalenye yempilo yamafama asakhulayo eMpuma Koloni nakwezinye iindawo ezingamaphandle kweli.
Ingxelo yeengcali zempilo
isoloko iqinisekisa ukuba ubisi lwebhokhwe liqulethe izakhamzimba eziphambili ingakumbi kwiintsana ezisakhulayo.
Amazwe oMbindi-Mpuma namazantsi weMelika anembali eyaziwayo yokuxhomekeka ngamandla kubisi lwebhokhwe ngaphezu kwezinye iimveliso zobisi.
Iibhokhwe zohlobo lweSannen zihamba phambili ngokuvelisa ubisi ehlabathini, kwaye amafama wasezilalini awazani nalo olu hlobo
lwebhokhwe. Ubisi lwebhokhwe kuthwa luncedisa umzimba ukulwa nokufudumala kwegazi okwenzakalisa abantu abaninzi kwihlabathi mihla le.
Izakhamzimba eziquka iproteni nekhalsiyam ziyafumaneka kubisi lwebhokhwe.
Ukanti amazwe oMbindiMpuma ngamanye wamazwe asebenzisa ubisi lwebhokhwe ukwenza isepha yokuhlamba ubuso nezinye izinto zabo bathanda ukubabahle. Uphando olwenziwe kwilizwe laseMelika
lubonisa ukuba ngamashumi amathandathu anesihlanu ekhulwini abantu behlabathi abaxhomekeke kubisi lwebhokhwe.
Ubisi lwebhokhwe liyanconywa ngokuncedisa ukucola ukutya esiswini ngokukhawuleza, logama kusithwa kwabanye abantu ubisi lwenkomo alikwenzi oko.
Amafutha afunyanwa kubisi lwebhokhwe akwiqondo elamkelekileyo kumzimba, logama ubisi lwenkomo luvelisa amafutha akumyinge ophezulu.
Iibhokhwe ezivelisa ubisi zeSannenn
Umfama weebhokhwe elungiselela ukusenga
8
Zinyukile iimveliso zeli kwihlabathi
Siyabulela Mqikela Siyabulela.Mqikela@inl.co.za
ISebelezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMzantsi
Afrika liqhayisa ngokunyuka komyinge weemveliso zeli ezithengiswa kumazwe ahlukeneyo ehlabathi.
Oku kwenzeka nangona ilizwe loMzantsi Afrika nehlabathi lijamelene neengxaki ezibangelwe sisifo seKhorana esihlasele ihlabathi.
Imeko yesimo sezemali engazinzanga kwihlabathi nakuMzantsi Afrika yoyisakele ukuthintela amafama weli ukuba avelise ukutya okuthengiswa kwihlabathi.
UMphathiswa weli Sebe kuzwelonke, uThoko Didiza, uthi zindaba ezimnandi kuye ukuva ukuba abelimi beli bathengisa iimveliso zabo zolimo ngamandla kwiimalike zehlabathi.
Lo funqu kwinani lemveliso zeli ezithengiswe kumazwe angaphandle uqatshelwe kwikota yesibini yalo nyakamali ka2022.
“Imveliso zolimo zoMzantsi Afrika zifunquke ngomyinge weepesenti ezilishumi elinesibini ekhulwini. Oko kuthetha ukuba yimali ekumashumi amahlanu ananye eebhiliyoni zeerandi,” uhambisa atsho uDidiza.
ezolimo kweli zijamelene neengxaki ezininzi eziquka ukhuseleko lwasezifama, imbalela, imiqathango karhulumente nokuhanjiswa kwale mithwalo.
“Iimveliso zethu ezithunyelwe kumazwe angaphandle ziphuma
kwimikhakha eyahlukeneyo yokulima nokufuya, kodwa ehamba phambili kuzo yimveliso yeorenji, umbona, iapile nepere nezinye ke,” kuqhayisa uDidiza.
Idriwa, ifiya, avocado, amandongomane, ingqolowa, uboya begusha nebhokhwe kwakunye neswekile, zezinye zemveliso eziphambili ukuthengiswa kwihlabathi.
“Okona kusivuyisa ngamandla kukuba sikwazile ukuthengisa nakumazwe ebekunzima ukuthengisa kuwo, kodwa nelizwekazi laseAfrika asilishiyanga ngasemva ukulithengisela iimveliso zethu zolimo,” utsho uDidiza.
Amazwe aseAsia ahamba phambili ukuthenga iimveliso zeli, elandelwa ngamazwe aseYuropu, iNgilane neMelika ngokulandelelana, nawo athengile kwiimveliso zoMzantsi Afrika.
“Sijonge ukunabisa amaqhina wethu wokuthengiselana namazwe aquka iChina, Indiya, Saudi Arabia, bangladesh, Philliphines neSouth Korea,” utsho uDidiza.
Uthi oku kungenxa yokuba abezoshishino eMzantsi Afrika babonakalisa umdla omkhulu kula mazwe.
“Sizimisele ukuqinisa nokunabisa ukuthengiswa kweemveliso zethu nawo onke amazwe esinobudlelwane nawo, ngaxeshanye sijonge ukugcina ubudlelwane nalawo mazwe angekaqalisi ukuthenga iimveliso zethu.” kucacisa uDidiza.
Oku kukhula kwentengiso yemveliso zeli kunconywe kakhulu ngamalungu
Mphathiswa wezoLimo, noPhuhliso lwamaPhandle, uThoko Didiza.
epalamante namafama ngokunjalo.
“Sihlala sisitsho ukuba asinakuphila ngaphandle kwamafama eli lizwe, sicela ukusebenzisana nokunyamezela phakathi kwamafama namagosa karhulumente,” uyacela uDidiza.
Kutshanje urhulumente weli unyanzeleke ukuba angenelele ukusombulula ingxaki yemveliso yeorenji zeli ebezingavunyelwa ukuba zingene kumazwe aseYuropu, ngokukodwa amazwe aphantsi kweeuropean Union. Ukuvela kwesifo somlomo kutshanje
kuzibethe ngamandla iintengiso zeli zingakwazi ingakumbi iinkomo ukuthunyelwa kumazwe angaphandle. emva kokungenelela kukarhulumente, izilwanyana zeli zivunyelwe ukuba zihanjiswe kodwa phantsi kwemiqathango engqingqwa.
9
Iresipi yenyama yenkuku eqhotsiweyo
MIHLALI jAxA
Inkukhu
yenye yeemveliso eziphambili kumafama amakhulu namancinci. Inyama yenkukhu isoloko iyinxalenye yezidlo zasefama nasemakhaya yonke imihla.
Iinkukhu zikhuliswa ngamafama njengenye yeemveliso zawo eziphambili zokuqinisekisa ukuba kukho ukutya emakhayeni okanye kwifama ukuze kwenziwe imali.
Izithako
ukulungisa esi sidlo sincamise ngencasa kuthatha isithuba seeyure nemizuzu engamashumi amabini kuphela.
Inkukhu epheleleyo kunye necala onokuzilungiselela.
Imascaporne ebunzima bungamakhulu amabini anamashumi amahlanu ekhilogram.
Icala legaqa lelamuni elityakatywe lalincinane.
Itaragon enqunqwe yancinane.
Amatispuni amathathu eoyile yomnquma.
Itapile ezibunzima buziikhilogram ezingamakhulu asibhozo, zinqunqwe.
Igaqa legalika linqunqwe.
Ipepile ebomvu ebunzima bungamakhulu amabini ekhilogram, isikwe ibe ngamacala, itswele eluluhlaza elinqunqiweyo.
Iityubhu zencindi yenkukhu ebunzima buqikelelwa kwikhulu elinamashumi amahlanu emiligram
Iimbotyi eziphuma kwisikhenkcezisi ezibunzima bungamakhulu amabini ekhilogram.
Imveliso yentlakohlaza eziluhlaza ezibunzima bulikhulu leekhilogram
Indlela yokuyenza
Inqanaba lokuqala
Fudumeza ioveni yakho ifike kubushushu obuphakathi kwamakhulu amabini. Susa zonke izinto ezibotshelelwe kwinkukhu yakho. Faka inkukhu yakho kwipani yokugcada inkukhu, kufuneka ukuba ibe nkulu ngokwaneleyo ipani yakho yokugcada.
Inqanaba lesibini
Dibanisa amatispuni amabini emascarpone kwakunye nelamuni enqunqiweyo. ufake itispuni elinye letarragon ugqibezele ngezincasanisi zakho. Faka umxube wakho kwinyama yenkukhu usebenzisa izandla zakho. Qaba amatispuni amabini weoyile yomnquma kwisikhumba senyama yakho. Yigcade inkukhu yakho imizuzu engamashumi amabini.
Inqanaba lesithathu
Beka iitapile negalika yakho ecaleni kwenkukhu zingqonge inkukhu leyo. Fafaza itispuni le oyile yokupheka, uze uyiyeke iphekeke imizuzu engamashumi amathathu.
Inqanaba lesine Emva kokuqhotsa inkukhu yakho, yenza indlela yokuphungula amafutha aphuma kumzimba wenkukhu ngokuthi uwakhe ngecephe uwabekele bucala. Xa sele uwakhuphile amafutha aphume emzimbeni wenkukhu yakho, cudisela ilamuni kwinkukhu leyo ngaphande nangaphakathi.
Esi sisidlo esinokudliwa ngamalungu osapho amabini ukuya kwamahlanu, kuxhomekeka kumyinge wekhaya elo.
10
UNgwenya ubhentsisa imeko yezolimo
Siyabulela Mqikela Siyabulela.Mqikela@inl.co.za
Umfama
odla umhlalaphantsi, uNomsa Ngwenya, uqukumbele uphando lwakhe obe lukhangela iingxaki eziqhubeka kwezolimo ngokumayela noncedo lukarhulumente.
UNgwenya unesidanga seemasters kwiNzululwazi yezoLimo. Wathatha isigqibo sokwenza uphandonzulu ngeemali ezigalelwa ngurhulumente kumafama akhasayo eRhawutini, eLimpopo nasemntla Ntshona.
Injongo ephambili yophando lwakhe ibikukukhangela umgama osele uhanjiwe ngamafama weli athi ancediswa ngurhulumente ukusukela kwisithuba seminyaka elishumi egqithileyo.
Uthi kumothusile ukufumanisa ukuba amafama, ngokukodwa amnyama agaxeleke kwiingxoxo ngobuqhophololo obulibazisa ukukhula kwabo kwezolimo.
Olu phando lukaNgwenya lufumanisa ukuba amafama amaninzi ancedwe ngurhulumente ngezemali entyumpantyumpeka endlaleni.
“Ubungqina boku kukuba nangona eli lizwe linomhlaba omninzi ohleli wodwa otyebileyo, ezolimo zifaka umyinge wemali eqikelelwa kwiipesenti ezimbini nezisiqingatha leepesenti,” kucacisa uNgwenya.
Uthi amafama weli angakwazi ukondla izigidi zabantu bomzantsi afrika ngomhlaba nezinye izinto zokulima nokufuya, imfundo nezinye izixhobo axhobe ngazo amafama.
“Iifama ezininzi zihleli azenzi nto, okanye ezo zisebenzayo zisebenza ngokuncedwa ngurhulumente,” ugadlele watsho uNgwenya.
ashumi asixhenxe anesibhozo ekhulwini kubantu ekuncokolwe nabo bakhalazela ukuba iifama zabo azenzi mali ininzi, logama abanye kubo bekhala ngelithi iifama zabo zifaka imali eqikelelwa kumashumi amahlanu amawaka eerandi ngonyaka.
Olu phando lubhentsisa ngamandla ububhutyubhutyu bolawulo, ubusela, ubuqhophololo, ulwazi oluncinci nezinye iingxaki njengonobangela wokungakhuli kwamafama amnyama.
“Ngaphezu kwamashumi asixhenxe eepesenti ekhulwini kubantu esithethe nabo bathi abaphumeleli ngenxa yokungabi nazinto zokusebenza, logama abanye kubo bevuma ukuba iingxaki zabo ezibangela ukuba bangakhuli zibangelwa bububhutyubhutyu kulawulo,” kutsho uNgwenya.
UNgwenya uthi ngokubona kwakhe kukho imfuneko yokuba abantu beli abafuna ukushishina ngezolimo batshintshe ingqondo nendlela ababona ngayo izinto.
“amafama amnyama adinga ukuxhotyiswa ngolwazi, xa enolwazi awasayi kuze azoyikisele nakwenye into ayenzayo, ngenxa yoko ayakuphumelela,” utsho uNgwenya.
“Uninzi lwabantu abathe bathatha inxaxheba kolu phando bavumile okokuba badinga ulwazi lokulawula ezemali noshishino ngokunjalo.
“Imfundo encinci yenye yeengxaki eziye zaqatshelwa ngethuba kusenziwa olu phando, kuthwa luthintela ukukhula kumafama ingakumbi kubantu basezilalini,” utsho uNgwenya.
Olu phando lubonisa ukuba abantu abafundileyo abanolwazi oludingekayo abafuni kungena kwezolimo kuba bebaleka iingxaki abazibona zibangelwa kukungafundi.
“Okunye esikufumeneyo kukuba ubusela, ubuqhophololo nokungakwazi kulawula imali kubangela iingxaki zangaphakathi kooKopolotyeni bezolimo abasekwa ngurhulumente,” kucacisa uNgwenya.
Ngelizama ukukhawulelana nale ngxaki, uNgwenya unikisa ngocweyo lwasimahla kumafama asakhulayo, injongo ikukuwaxhobisa ukuze akwazi ukuphumelela.
“Ukuzoyikisela kwamafama amnyama yenye yeengxaki ezibangela ukuba angaphumeleli kwiinzame zawo zemihla ngemihla,” ugqibele ngelitshoyo uNgwenya.
UNomsa Ngwenya ecacisa ngeziphumo zophando lwakhe
11
Amafama eshukuxa ikamva lezolimo eKapa
YOMGADA KWIHLABATHI
SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA
Ngokutsho kweli Sebe, esi sifo somgada siye saxaka kwezi nyanga zilishumi elinesibhozo zidlulileyo eMpuma Koloni, nto ekhombisa ukuba umgada lo useyingxaki enkulu kweli phondo.
UMphathiswa weli Sebe, uNonkqubela Pieters uzibandakanye namagosa enkonzo yonyango lwezilwanyana ebegonya iikati nezinja mahala eMdantsane, nalapho esi sifo somgada sikhe sachazwa khona.
Kunyaka ophelileyo, iphondo leMpuma Koloni lixele iziganeko eziyi550 zomgada nalapho kubhubhe abantu abasithoba.
UKUQAPHELA uSuku loMgada kwiHlabathi, iSebe loPhuhliso lwamaPhandle (DRDAR) liq hube ugonyo lwezilwanyana eMdantsane ngelizama ukunci phisa ukunwenwa kwesi sifo.
IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE
IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE
IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE
12
IMINI
IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE