ISIKHOKELO SABAFAKI-ZICELO BONYAKA WOKU-1 NABAFUNDI ABALINDELEKILEYO 2022
ISAZISO ESIBALULEKILEYO: Abafundi (nabo bafaka izicelo zonyaka wokuqala nabanakekeli babo) bayacelwa ukuba bangazi kwiikhampasi zethu kuba befuna uncedo lobuso ngobuso nabasebenzi. Oku kwenziwa kuba kuthintelwa iindibano zabantu abaninzi nokuthobela imigaqo kazwelonke malunga neendibano ngexesha leliza lesine lobhubhane weCovid-19. Endaweni yoku iCPUT izakwamkela izicelo ezifakwe kwi-intanethi kuphela zonyaka wokufunda ka-2022. Ezi linki zeenkcukacha zingezantsi zingaluncedo: ICPUT ifumana malunga nama-270 000 ezicelo zokufunda nyaka nanyaka, ngoko ke kulindelekile ukuba eli ibelelona xesha lixakekileyo lokufunwa kwengcombolo. Abafundi namalungu oluntu ayabongozwa ukuba abenomonde ngeli xesha sixakeke lubhaliso, sihoyene nemibuzo kunye nezicelo zasemva kwexesha. Siyakuthembisa ukuba isicelo sakho sizakuhoywa ngokukhawuleza.
•
Kuthathwa izigqibo rhoqo, ngoko ke ungahlala ukhangela impendulo yakho kwi-intanethi rhoqo kuba iziphumo ziphuma ngoko nangoko xa sele kufikelelwe kwisigqibo.
•
Khusela indawo yakho ngokubhalisa ngoko nangoko emva kokuba wamkelwe ngokugqibeleleyo okanye zingekadluli iiyure ezi-48 emva kokufumana i-SMS njengokuba izithuba kwiinqubo zethu zigcwala ngokukhawuleza. Ukuba awenzi oko, isithuba sakho singadluliselwa komnye umfundi.
•
Abafundi bazakubanako ukubhalisa kuphela xa bethathiwe kwaye iziphumo kwi-intanethi zibonisa oku: “ACCEPTED/ ACCEPTED ON FINAL RESULTS” Awuzokukwazi ukubhalisa ukuba kusaboniswa oku kulandelayo: “Waiting List”, “Rejected”, “Course Full”, “Provisional Acceptance” okanye “Incomplete”.
NDINGENZA NTONI UKUBA ZONKE IZICELO ZAM AZIPHUMELELANGA Ukuba wanelise zonke iimfuneko akusosiqinisekiso sokuba isicelo sakho kwinqubo ethile sizakuphumelela. Ukhuphiswano lwezithuba kumaziko emfundo aphakamileyo luninzi.
UNCEDO KWI-INTANETHI/ IMIBUZO JIKELELE
Ukuba izicelo zakho aziphumelelanga, ungabhalisa ku-CACH kule nombolo ka-WhatsApp Chatbot (078 776 8660), USSD (*134*225#), okanye ubhalise ku-cach.ac.za. Abafaki-zicelo bangafuma iinkcukacha ezongezelelekileyo kwiphepha lethu le-Facebook u-CACH_SA .
Uncedo luzakufumaneka kakhulu kwi-intanethi kuba kulungiselelwa izicelo ezenziwe nge-intanethi neenkqubo zobhaliso. Abafakizicelo nabafundi abalindelekileyo abadinga uncedo bengaphandle kwekhampasi bangatsalela iZiko loNxibelelwano ku-086 123 2788/ 021 959 6767 okanye basebenzise lelinki ukuze bafumane iinkukacha zoqhagamshelwano ezithe vetshe: https://www.cput.ac.za/enquiries
I-CACH liphulo leSebe lezeMfundo ePhakamileyo nezoQeqesho esebenza nje ngenkqubo yokudluliselwa kwabafaki-zicelo abangaphumelelanga, hayi inkqubo yokufakwa kwezicelo ezifike emva kwexesha. I-CACH ipha abafaki-zicelo abangaphumelelanga amathuba kwiinkozo zophuhlisongqesho, ngamanye amaxesha ibapha amathuba afumanekayo kwi-PSET kwiiyunivesithi, iikholeji ze-TVET okanye iinkqubo zokufunda ze-SETA, bengakhange bahle benyuka befuna izithuba kula maziko.
I-CPUT ihlala ifaka imiyalezo ehlaziyiweyo rhoqo ku-Facebook wayo. Uyacelwa ukuba usilandele ku-Facebook ukuze ufumane le miyalezo. Kanjalo jonga isikhokelo se-intanethi senyathelo ngenyathelo sokwenza isicelo esifumaneka ku-https://www.cput.ac.za/study/apply/step-4online-application Ezinye iinkcukacha ezongezelekileyo zemibuzo ebuzwa rhoqo neempendulo zifumaneka ku-https://www.cput.ac.za/enquiries
NDENZE NJANI UKUBA NDIFUNA UKUFAKA ISICELO KWIINKQUBO EZISENESITHUBA E-CPUT?
UKWAMKELWA NGOKUGQIBELELEYO
Ukuba izithuba ziye zavuleleka kwiinkqubo zase-CPUT, uluhlu lwazo luzakufumaneka kule linki https://www.cput.ac.za/study/lateapplications kungekadluli iCawa, uMvulo, 13 Febhruwari 2022.
•
Abafundi bonyaka wokuqala abaneziphumo ze-NSC zangaphambili ko-2021: Abafundi bonyaka wokuqala abamkelwe ngokugqibeleleyo kwaye bengalindelanga ezinye izigqibo zolwamkelo ezixhomekeke kwiziphumo zabo ze-NSC 2021 bangaqhubekeka babhalise ukususela nge-31 Janyuwari 2022.
•
Abafundi abalindelekileyo bonyaka wokuqala abafumene i-NSC ngo-2021: Uvavanyo lokugqibela (isiqinisekiso) lweziphumo ze-NSC 2021 luzakwenziwa ziiFakhalthi ukususela ngoLwesine, 27 Janyuwari 2022 ukuya kutsho ngoLwesihlanu, 4 Febhruwari 2022.
•
Abafaki-zicelo ababhale iimviwo ze-NSC, i-IEB okanye i-SACAI abadingi ukufaka iziphumo zabo kuba iyunivesithi ifumana ezi ziphumo ngqo kwiSebe leMfundo esisiSeko. Oku kuquka nabafakizicelo abahlaziya iziphumo zabo.
•
Ukwamkelwa komfundi kuzakuqinisekiswa nge-sms kwinombolo efakwe ngexesha umfundi besenza ngalo isicelo.
•
Uyacelwa ukuba uhlale ukhangela iziphumo zesicelo sakho kule linki: http://www.cput.ac.za/study/track
AMAXESHA OKUFAKWA KWEZICELO ZANGEMVA KWEXESHA Mvulo, 14 Febhruwari – Lwesihlanu, 18 Febhruwari 2022
1