City Vision Lagunya | Philippi - 16 January 2019

Page 1

LAGUNYA | PHILIPPI

Thursday, 16 January 2020 | Tel: 021 910 6500 | Fax: 021 910 6501 | Email: news@cityvision.co.za Abahlali baseSiyanyanzela babongoza iSixeko saseKapa ukuba sivale isigingqi esigcina amanzi kufuphi nezindlu zabo. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

IMPILO: UBANGELA INKXALABO UMSELE...

Kubophile eSiyanyanzela UNATHI OBOSE

L

ibangela isankxwe kubahlali bendawo iSiyanyanzela ichibi elikufuphi nezindlu zabo. Bakhala ngelithi ziliqela iinyanga lingasacocwa, nto leyo ibangela isankqange sevumba njengoko namanzi sele ajika aluhlaza. Kungoku nje abahlali batyhola iSixeko saseKapa ngokungazinanzi iimfuno zabo. Omnye wabahlali uNosabelo Bam uthe ubomi babo busemngcuphekisweni ngenxa yala manzi. “Andiyazi ukuba umasipala ucinga ntoni ngala manzi ngoba akajongeki tu kwaye anevumba elibi,” utshilo.

Waleke ngelithi ibangathi ayaqatsela ukunuka rhoqo ngentseni, kwaye abangela intlaninge yeempuku njengoko abanye abantu belahla izinto zabo ezimdaka kwalapha kuwo. Uhambise wathi kudala bethetha noceba uNkululeko Mgolombane, ukuba enze icebo kuvalwe isigingqi esigcina la manzi, kodwa onke amalinge abo awa phantsi. Uthe uloyiko lwakhe ngabantwana abathanda ukudlala kula manzi. “Sihleli nje kufuneka sigade abantwana bangasondeli kula manzi. Siyaboyikisela ngoba ingathi bangatshona,” uthethe watsho.

Wongeze ngelithi inkoliso yabantwana abancinci kula ngingqi banezitshanguba abanye zizigxala kukulunywa ziingcongconi eziphuma kula manzi. “Ngekungcono ukuba umasipala ebesibiyele esi sigingqi nokuba kungocingo ukwenzela abantwana bangasondeli emanzini,” utshilo uBam. Waleke ngelithi la manzi anenyanga ezingaphaya kwesihlanu emile. Ephawula ngale nyewe uMgolombane uthe unolwazi ngala manzi. Uhambise wathi iSixeko simaxhaphetshu sizama indlela yokwenza la manzi ahambe. “Ingxaki yimibhobho le ihambisa amanzi

iwakhupha kwesa sigingqi yavaleka kudala. Ngoku sisaxakekile sizama ukutshintsha inxalenye yemibhobho kula ngingqi yonke sifake emitsha nengathi mikhulu,” utshilo uMgolombane. Wongeze ngelithi onke amalungiselelo asahamba ngendlela inkampani ezakwenza lo msebenzi sele ichongiwe izakuqala kwinyanga yesiSilimela kulo nyaka sikuwo. Uthe la manzi anenyanga ezingaphaya kwesibhozo emile. “I-Sixeko siyazama ngoba simane sisiza nezigadla ezenzelwe ukufunxa la manzi kodwa aye aphinde aphume ethubeni,” ucacise watsho Mgolombane.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Issuu converts static files into: digital portfolios, online yearbooks, online catalogs, digital photo albums and more. Sign up and create your flipbook.