Iphepha Lam - 30 July 2021 to 4 August 2021

Page 1

Produced by: DK Media Agency Price: FREE Published: Fridays Contact Us: 082 619 8937 / unathik@gmail.com

30 eyeKhala - 5 eyeThupha 2021

Mthatha, Tsolo, Maclear, Mt Fletcher, Matatiele, Kokstad, Underberg, Xopo, Bizana, Mt Ayliff, Mt Frere, Qumbu, Port St Johns, Lusikisiki neFlagstaff 10 000 copies!

Sitshe sangqungqa ‘isigqubu seziyobisi nolwaphulo-mthetho’ eMthatha!

UMBHALI WETHU

Bambi bathi sincede satsha isakhiwo sehotele yakudala yaseMthatha, abanye bakhalela imisebenzi yabantu ebebesebenza kudederhu lweevenkile ezisezantsi kwesi sakhiwo. Pha ngentsimbi yesixhenxe ebusuku, ngoLwesithathu, iGrosvenor Hotel, edolophini eMthatha, itshe yangqungqa. Unobangela walo mlilo awukaziwa kodwa sifike bonke abantu bengaphandle abanye bezama ukubuyela ngaphakathi bakhuphe izinto zabo. IGrosvenor yenye yeehotele zakudala eMthatha eyakhe yabekelwa bucala

“Umthetho ukhona, ndibuyile!” - Mchunu 2

iingcungcu noosopolitiki bodwa ngeentsuku zocalucalulo kweli. Yayiyindawo kanokutsho ngoko kodwa kule mihla ibingeyiseyiyo ihotele, ibigcwele iivenkile neendawo zokwenza iinwele zoo-“My Friend” ezithe zachaphazeleka kulo mlilo. Ngethuba sibhala abahlali babegcwele kula kona yeMadeira neSutherland Street kumbindi woMthatha. Le hotele yile ijamelene noDebonairs / Old Mutual pha edolophini. Eyona nt iye yothusa yindlela abantu abaye bazamkela ngazo ezi ndaba. Nazi nje ezinye izimvo ezixhaphakileyo ngalo mlilo: “Yhooo aba Myfriend bawugqibile uMthatha; kutsha enye ngoku and kuhlala bona kweza hotele. Kutshise bona!” - Masukude

“Zeza drugs bazipheka pha aba bantu bapha! Bathenga ifowuni zethu neeLaptops zethu kula maphara!” - Nomfusi. “Ikhona kodwa into engaqondakaliyo ngale mililo ikwezi dolophu!” - Odwa. “Mayitsheee akwaba ibisatshaa nangk umthath ungesens sdimsnjeee ngaba my friend bafika sebehlala kwi bulding engeku senziwa kuzo into zophuhlisa kwa olulutsha baluthengisela drugs.” - Mbizeni “Ama phara phara ebesihambisa kabuhlungu ke pha” - Sinovuyo. “Kulusizi uvakalisa uba sisigqubu seDrugs eso I hope zitshile nezo Drugs!” Mazande. Nezinye izimbo ku @IphephaLam ku @ Facebook

Ugxothwe Imisebenzi: eMatatiele ngoWhatsApp umsasazi Mt Fletcher wodumo 8 Gcuwa 3


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Issuu converts static files into: digital portfolios, online yearbooks, online catalogs, digital photo albums and more. Sign up and create your flipbook.