1 minute read

XHOSA SUMMARY

Intlangano engoLawulo loMgada wezinja kwiHlabathi ingum’butho ongasebenzeli inzuzo noneenjongo zokuphelisa ukufa kwezinja ngumgada ngomnyaka ka 2030 kwilizwe liphela. Ngokusebenzisana nabakwa Netcare kunye noM’butho wezeMpilo kwilizwe liphela, kubhalwe zekwashicilelwa incwadana yabantwana nebizwa ngokuba yi “Ufuna umngani? Yiba ngumngani!” le ncwadana inamacwecwe ekunokubhalwa kuwo kunye nemisetyenzana yabantwana engokubafundisa ngokuthintelwa komgadla kwimfuyo nakuluntu kwakunye nokukhuthaza ubudlelwane obuhle phakathi kwemfuyo nabantu.

Le ncwadana ibekho kwa ngomnyaka ka 2017 ngesiNgesi nangesiXhosa, kodwa ngoncedo lwabasebenzi abazinikeleyo base Elsenburg, kwakunye nezifundiswa abaqhakamshelana kunye nazo, iye yaguqulelwa nakwisiBhulu kumnyaka ka 2018, nto leyo ithetha ukuba ngoku le ncwadana iyafumaneka ngazo zontathu iilwimi ezisemthethweni kweli phondo.

Inguqulelo engesiBhulu ngale ncwadana nenesihloko esithi “Soek ‘n maat? Wees ‘n Maat!” iye yatsala umdla omkhulu kangangokuna sele kushicilelwe ama 6000 nesele zisetyenziswe kumabanga emfundo ephantsi kumnyaka ka 2018. Sele kushicilelwe amawaka amathathu eekopi zale ncwadana kuzo zontathu iilwimi ukuze zisetyenziswe kwikota yokuqala kunyaka ka 2019, yaye ezinye ziseza ebudeni bomnyaka.

Incwadana ethi “Ufuna umngani? Yiba ngumngani!” iyafumaneka ngazo zontathu iilwimi kwakunye nolunye uncedo oluninzi kule dilesi: https://rabiesalliance.org/ resources

This article is from: