1 minute read

XHOSA SUMMARY

EZOLIMO EZIDOLOPHINI: INGQOKELELA YOKUTYA ESIXEKWENI

Inkomfa: “ebingeNcubeko neendlela zakudala zeZolimo ezidolophini kunye nolungelelaniswa lweedolophi kwixesha elizayo” ibihlinzekwe ukususela ngomhla wesi 6-8 kuCanzibe 2019 e Hanover yase Jamani.

Le nkomfa ikuphinda-phindile okokuba iidolophi zisebenza indima engundoqo kulwabiwo lwemithombo yoncedo kwiidolophana ezingqonge izixeko, ngakumbi kumazwe asakhulayo.

Lunengxaki ulawulo oluzinzileyo lwamanzi nokufumaneka kokutya ngenxa yemingeni kulawulo lokungcola kunye nezococeko ngenxa yokwanda ekusetyenzisweni kwazo ezidolophini kunye nokukhula kwamanani oluntu ezidolophini. Ezolimo ezidolophini nakwiindawo ezizingqongileyo zingayanelisa ngokuphakama okubonakalayo imfuneko yezondlo zomzimba, ukuba kungasetyenzwa ze kuphinde kusetyenziswe ingqokelela yokutya okulahliweyo kunye nelindle kwezolimo. Kubaluleke kakhulu ukuba izixeko zicwangcisele ukupheliswa kwelahleko, kuba izixeko zihlala zisanda yaye nemithombo yoncedo isiya iphela, nto leyo iyakubangela ukwanda kongcoliseko,

Kubalulwe ezona mbono zintathu kumgaqo wezolimo ezidolophini.

Um’bono ngezoqoqosho woyanyaniswe kwezolimo ezidolophini ngemiba engemarike nebandakanya amashishini asemancinci emakhaya kwakunye namashishi amakhulu kwezolimo. Um’bono ngentlalo-ntle yoluntu ujongene, noko ingakugatyi, woyanyaniswe nabalimela ukuzityela besezidolophini, nekuyiyeyona nto ibalulekileyo kumacebo okuphila kumakhaya anemivuzo ephantsi. Um’bono ngezinto eziphilayo nendawo ezihlala kuyo ngezolimo ezidolophini kuyinto eqheleke ukuba ingahoywa, kodwa inganceda kakhulu kulawulo lwezendalo esingqongileyo.

Indima ekufuneka isetyenzwe ngurhulumente kunye nooMasipala kukwamkela into yokuba ezolimo ezidolophini kukusebenzisa umhlaba osezidolophini yaye kukhokelela kumgaqo wemeko ekuvumelayo oku, ngoko ke, kufuneka uqukwe kwizicwangciso zokusetyenziswa komhlaba. Kufuneka kumiselwe iinkqubo zokuncedisa uqoqosho oluphilileyo nokuvelisa kwezolimo ezidolophini ngokuqeqesha, ukunika iingcebiso zobugcisa, kusekwe imibutho yamafama asezidolophini yaye de kulungiselelwe nokufumaneka kweemali-mboleko nezingenanzala iphezulu kumafama. Kufuneka kudityaniselwe nemigqaliselo yokuthintela nokunciphisa umngcipheko kwimiba engendalo esingqongileyo kwezolimo ezidolophini.

Ezolimo ezidolophini kungalicandelo elikhulu kwiimveliso zezoqoqosho, xa imigaqo neenkqubo isondlalela imeko ekhuthaza ukuxhobisa nokuyakukhokelela kuphuhliso olukhulu kuluntu, kuqoqosho kunye neengenelo ezingendalo ephilileyo neendawo ezihlala kuyo kuluntu luphela, ezidolophini nasezixekweni. Ezolimo ezidolophini kungayinto elungileyo xa igalelo lwako lunokoyanyaniswa kwisixeko esikufaneleyo nesikulungeleyo, kungasizisela isisele okanye uvimba wokutya esixekweni. AP

This article is from: