Skip to main content

Xhosa - Satan and the Devils

Page 1

USathana Needemon Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

IiPentateuch IGenesis 3:1-15 1 Ke kaloku inyoka yayinobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izilwanyana zasendle abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Utshilo na uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? 2 Wathi umfazi kwinyoka, Singadla kwiziqhamo zemithi yomyezo; 3 Kodwa ke kwisiqhamo somthi osemyezweni phakathi, uThixo uthe, Ze ningadli kuso, ningazichukumisi, hleze nife. 4 Yathi inyoka kumfazi, Aniyi kufa ngokuqinisekileyo; 5 Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuso, aya kuvuleka amehlo enu, nibe njengoothixo, nazi okulungileyo nokubi. 6 Waza umfazi wabona ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyathandeka emehlweni, kwaye umthi unqweneleka ukuqiqisa, wathabatha isiqhamo sawo, wadla, wanika nendoda yakhe enaye; nayo yadla. 7 Avuleka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela iifaskoti. 8 Baliva ilizwi likaYehova uThixo ehamba emyezweni emini epholileyo; uAdam nomkakhe bazimela ebusweni bukaYehova uThixo phakathi kwemithi yomyezo. 9 UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na? 10 Wathi, Ndive ilizwi lakho emyezweni, ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela. 11 Wathi yena, Ngubani na okuxeleleyo ukuba uhamba ze? Udlile na kumthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Ungadli kuwo? 12 Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. 13 UYehova uThixo wathi kumfazi: “Yintoni le uyenzileyo?” Wathi umfazi: “Inyoka indikhohlisile, ndatya.” 14 Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngenxa yokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe ngaphezu kwezilwanyana zonke, nangaphezu kwazo zonke izilwanyana zasendle; uya kuhamba ngesisu sakho, udle uthuli yonke imihla yobomi bakho. 15 Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Abasayi kuphinda bayinikele imibingelelo yabo kwiidemon, abahenyuza ngokuzilandela. Lo ngummiselo ongunaphakade kubo kwizizukulwana zabo. Levitikus 17:7 Babingelela kwiidemon ezingengabo oThixo, koothixo ababengabazi, koothixo abatsha abasandula ukuvela, ababengaboyiki ooyihlo. Duteronomi 32:17

Imbali USathana wema nxamnye namaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba abale amaSirayeli. 1 IziKronike 21:1 Wazimisela ababingeleli beziganga, nabeedemon, nabeenkomo awayezenzile. 2 Kronike 11:15

Imibongo UYobhi 1:1-22 1 Kwakukho indoda ezweni laseUtse, egama linguYobhi; loo ndoda yayigqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. 2 Wazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu. 3 Impahla yakhe yayiziigusha ezingamawaka asixhenxe, neenkamela ezingamawaka amathathu, neenkomo eziziidyokhwe ezingamakhulu amahlanu, neemazi zeeesile ezingamakhulu amahlanu, nendlu enkulu kakhulu; kangangokuba le ndoda yayiyeyona inkulu kubo bonke abantu baseMpuma. 4 Oonyana bakhe babesiya kwenza isidlo emakhayeni abo, ngamnye ngemini yakhe; bathumele babize oodade babo abathathu, badle, basele nabo. 5 Kwathi ke, xa imihla yesidlo sabo iphelile, uYobhi wathumela, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanikela amadini anyukayo ngokwenani labo bonke; kuba uYobhi wayesithi, Mhlawumbi oonyana bam bonile, bamqalekisa uThixo ezintliziyweni zabo. Wenjenjalo uYobhi imihla yonke. 6 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo. 7 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ndivela ekuzulazuleni emhlabeni, nasekuhambahambeni kuwo. 8 Wathi uYehova kuSathana, Umqondile na umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini? 9 USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo uloyikela ilize na uThixo? 10 Akumrhangqilanga na yena nendlu yakhe, nako konke anako ngeenxa zonke, wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, yanda imfuyo yakhe elizweni? 11 Kodwa ke yolula isandla sakho ngoku, uchukumise konke anako, aze akuqalekise ebusweni bakho. 12 Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; kodwa kuye musa ukusa isandla sakho. Waza uSathana wemka ebusweni bukaYehova. 13 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu; 14 Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile edla ecaleni kwazo; 15 AmaShebha ahlasela, azithimba; ewe, azibulele izicaka ngohlangothi lwekrele; ndisindile ndedwa, ukuza kukuxelela. 16 Esathetha loo nto, kwafika nomnye, wathi, Umlilo kaThixo uwile ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane, nabakhonzi, wabadla; ndisindile ndedwa, ukuza kukuxelela.

2


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

17 Esathetha loo nto, kwafika nomnye, wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu, azihlasela iinkamela, azithatha, ababulala abakhonzi ngohlangothi lwekrele; ndisindile ndedwa, ukuza kukuxelela. 18 Esathetha lo, kwafika nomnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu; 19 nanko kuvela umoya omkhulu uvela entlango, wabetha iimbombo zone zendlu, yawa phezu kwamadodana, afa; ndisindile ndedwa ukuza kukuxelela. 20 Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda, 21 Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndize; uYehova wanika, uYehova uthabathile; malibongwe igama likaYehova. 22 Kuko konke oko uYobhi akonanga, akammangalelanga uThixo ngobudenge. UYobhi 2:1-7 1 Kwathi ke ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova. 2 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ndivela ekuzulazuleni emhlabeni, nasekuhambahambeni kuwo. 3 Wathi uYehova kuSathana, Umqondile na umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye emhlabeni, indoda egqibeleleyo nethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini, esabambelele ekugqibeleleni kwayo, nangona undishukumisele ukuba ndimtshabalalise ngaphandle kwesizathu? 4 USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngelusu, ewe, konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe. 5 Kodwa ke yolula isandla sakho ngoku, uchukumise amathambo akhe nenyama yakhe, aze akuqalekise ebusweni bakho. 6 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kodwa gcina umphefumlo wakhe. 7 Waphuma ke uSathana ebusweni bukaYehova, wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, waya entloko yakhe. Ewe, babingelela oonyana babo neentombi zabo kwiidemon, INdumiso 106:37 Bandibuyisele ububi endaweni yokulungileyo, bandinika intiyo ngenxa yothando lwam. Misa umntu ongendawo phezu kwakhe, ume uSathana ngasekunene kwakhe. INdumiso 109:5-6

Isiprofeto Hayi indlela owawa ngayo ezulwini, Lusifa, nyana wesifingo! Hayi indlela owanqunyulwa ngayo emhlabeni, wena wazithomalalisa iintlanga! Kuba uthe entliziyweni yakho, Ndiya kunyuka ndiye ezulwini, ndiya kuyiphakamisa itrone yam ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndiya kuhlala entabeni yebandla, emacaleni asentla: Ndiya kunyuka ngaphezu kweenduli zamafu; ndiya kuba njengoPhezukonke. Kodwa uya kwehliselwa esihogweni, emacaleni esihogo. Isaya 14:12-15 UHezekile 28:11-19 11 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 12 Nyana womntu, mphakamisele isimbonono ukumkani waseTire, uthi kuye, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wena utywine isithsaba, uzele bubulumko, ugqibelele ngobuhle. 13 Ubuse-Eden, umyezo kaThixo; onke amatye anqabileyo ayesisigqubuthelo sakho, isardiyo, netopazi, nedayimani, nebherilo, neoniki, neyaspisi, nesafire, neemeraldi, nekarbhuncle, negolide; umsebenzi weengqongqo zakho neembhobho zakho walungiswa kuwe ngemini yokudalwa kwakho.

3


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

14 UnguKerubhi othanjisiweyo ogqumayo; ndikumisile ke; wawusentabeni engcwele kaThixo; wawuhambahamba phakathi kwamatye omlilo. 15 Wawugqibelele ngeendlela zakho, kususela kwimini yokudalwa kwakho, kwada kwafumaneka ubugwenxa kuwe. 16 Ngenxa yobuninzi beempahla zakho bazalise umbilini wakho ngogonyamelo, wonile; ngenxa yoko ndiya kukugxotha njengenqambi entabeni kaThixo, ndikutshabalalise, kherubhi egqumayo, usuke phakathi kwamatye omlilo. 17 Intliziyo yakho yaphakama ngenxa yobuhle bakho, wonakalise ubulumko bakho ngenxa yokukhanya kwakho; ndiya kukuphosa emhlabeni, ndikubeke phambi kookumkani, ukuba bakubone. 18 Uzingcolisile iingcwele zakho ngobuninzi bobugwenxa bakho, ngobubi borhwebo lwakho; ngenxa yoko ndiya kukhupha umlilo phakathi kwakho, ukudle, ndikutshise emhlabeni emehlweni abo bonke abakubonayo. 19 Bonke abakwaziyo phakathi kwezizwe baya kumangaliswa nguwe; uya kuba yinto eyoyikekayo, ungaphindi ubekho. Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu emi phambi kwesithunywa sikaYehova, noSathana emi ngasekunene kwakhe ukuze amelane naye. Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; noYehova onyule iYerusalem makakukhalimele; lo akasiso na isikhuni esirholwe emlilweni? Zekariya 3:1-2

IiVangeli kunye neZenzo UMateyu 4:1-11 1 Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuze ahendwe nguMtyholi. 2 Uthe ke, akuba ezile ukutya iintsuku ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane, walamba kamva. 3 Weza kuye umhendi, wathi, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. 4 Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. 5 UMtyholi wamthabatha wamsa kwisixeko esingcwele, wammisa eluphahleni lwetempile, 6 Wathi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, zikuthwale ngezandla, hleze ubetheke ngonyawo lwakho elityeni. 7 UYesu wathi kuye, Kubhaliwe kwakhona kwathiwa, Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho. 8 Wabuya uMtyholi wamthabatha wamsa entabeni ende kakhulu, wambonisa zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; 9 Wathi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. 10 Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa. 11 UMtyholi wamshiya; nanko kufika izithunywa zezulu, zamlungiselela. Udumo lwakhe lwaphuma kulo lonke elaseSiriya, bazisa kuye bonke abagulayo, bephethwe zizifo ezahlukeneyo, neentlungu, nabaphethwe ziidemon, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, wabaphilisa. UMateyu 4:24 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, asiprofetanga egameni lakho na, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi emangalisayo egameni lakho? UMateyu 7:22 Kwathi ke kwakuhlwa, bazisa kuye abantu abaninzi ababephethwe ziidemon; wazikhupha ezo moya ngelizwi lakhe, waphilisa bonke abagulayo; UMateyu 8:16 4


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

UMateyu 8:28-34 28 Uthe akufika ngaphesheya kwilizwe lamaGergasi, wahlangatyezwa ngabantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, benoburhalarhume obukhulu, kangangokuba bekungekho mntu unokudlula ngaloo ndlela. 29 Basuka bakhwaza besithi: “Sinantoni na nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Uze kusithuthumbisa na phambi kwexesha?” 30 Kwakukho umhlambi weehagu ezininzi mgama kude nabo. 31 Iidemon zambongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu. 32 Wathi kubo, Hambani. Bakuphuma, bangena elugxubeni lweehagu; khangela, lonke ugxuba lweehagu lwagxalathelana phantsi eweni, lwaya elwandle, lwatshabalala emanzini. 33 Abo babezalusa basaba, baya esixekweni, baxela yonke into, nento eyenzekileyo kwababephethwe ziidemon. 34 Kwaye, khangela, wonke umzi waphuma waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba ahambe emideni yabo. Bakubon’ ukuba bayaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisimumu, ophethwe yidemon. Kwathi, yakukhutshwa idemon, isidenge sathetha; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzange kubonwe okunje kwaSirayeli. Kodwa abaFarisi bathi, Ukhupha iidemon ngomphathi weedemon. Mateyu 9: 32-34 Philisani abagulayo, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa. UMateyu 10:8 Kwanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi abe njengenkosi yakhe. Ukuba babize umninindlu ngokuthi nguBhelezebhule, kobeka phi na ke abo bendlu yakhe? UMateyu 10:25 Kuba uYohane weza engadli, engaseli, bathi, Unedemon. UMateyu 11:18 UMateyu 12:22-28 22 Kwaza kwaziswa kuye umntu ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, yaza imfama esisidenge yathetha, yabona. 23 Bonke abantu bamangaliswa, bathi, Lo asinguye na unyana kaDavide? 24 Kodwa abaFarisi, beva oko, bathi, Lo mntu akazikhuphi iidemon, kuphela ngoBhelezebhule, inkosi yeedemon. 25 UYesu wayezazi iingcinga zabo, waza wathi kubo: “ Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke, nokuba yindlu, nokuba yindlu eyahlulelene yodwa, ayisayi kuma.” 26 Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; buya kuma njani ke ubukumkani bakhe? 27 Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani oonyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu. 28 Kodwa ukuba ndikhupha iidemon ngoMoya kaThixo, ngoko ubukumkani bukaThixo bufikile kuni. 29 Okanye umntu angangena njani endlwini yendoda enamandla, ayiphange impahla yayo, ngaphandle kokuba ayibophe kuqala indoda enamandla? Utshaba olwahlwayelayo yiMtyholi; ukuvuna kukuphela kwehlabathi; abavuni zizithunywa zezulu. UMateyu 13:39 Kwabonakala umKanankazi evela kuloo mimandla, ekhala kuye, esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, Nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. UMateyu 15:22

5


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Wajika ke, wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana; usisikhubekiso kum; ngokuba awucingi ngezinto zikaThixo, ucinga ngezinto zabantu. UMateyu 16:23 UYesu wayikhalimela idemon, yaphuma kuye; waphiliswa umntwana kwangelo lixa. UMateyu 17:18 Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekisiweyo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe uMtyholi neengelosi zakhe. UMateyu 25:41 Wayelapho entlango iintsuku ezingamashumi amane, ehendwa nguSathana; namarhamncwa asendle; izithunywa zezulu zazimlungiselela. UMarko 1:13

wayekunye

Kwathi ke ngokuhlwa, xa ilanga litshonayo, bazisa kuye bonke abagulayo, nababephethwe ziidemon. Waphilisa abaninzi ababesifa zizifo ngezifo, wakhupha needemon ezininzi; wayengazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba zazimazi. Wayeshumayela ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ekhupha needemon. UMarko 1:32 , 34, 39 nokuba negunya lokuphilisa izifo, nokukhupha iidemon. Ababhali ababehle bevela eYerusalem babesithi, UnoBhelezebhule, kwaye ukhupha iidemon ngaye umphathi weedemon. Wababizela kuye, wathi kubo ngemizekeliso, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? Nokuba uSathana uzivukela ngokwakhe, wahlulelana, akanakuma, kodwa uphelile. UMarko 3:15 , 22 -23, 26 Abo ke bangasecaleni kwendlela, apho ilizwi lihlwayelwa khona; bathi, bakuba belivile, uSathana afike kwangoko, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. UMarko 4:15 UMarko 5:1-20 1 Bafika phesheya kolwandle, ezweni lamaGadara. 2 Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni, 3 owayehlala emangcwabeni; kungekho bani unako ukumbopha, nokuba ngamatyathanga; 4 kuba wayebotshwa rhoqo ngamakhamandela nemixokelelwane, aze ayiqhawule imixokelelwane, awaqhekeze amakhamandela; akukho bani wayenako ukumthomalalisa. 5 Wayesoloko ehlala ezintabeni nasemangcwabeni ubusuku nemini, ekhala, ezisika ngamatye. 6 Uthe ke akumbona uYesu ekude, wabaleka, waya kuqubuda kuye, 7 Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ndinantoni na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiyakufungisa ngoThixo ukuba ungandithuthumbisi. 8 Kuba wayethe kuye, Phuma emntwini, moyandini ungcolileyo. 9 Wambuza wathi: “ Ungubani igama lakho?” Waphendula wathi: “Igama lam ndinguMkhosi, kuba sibaninzi.” 10 Wambongoza kakhulu ukuba angabagxothi baphume kwelo zwe. 11 Kwakukho apho ngasezintabeni umhlambi omkhulu weehagu edlisayo. 12 Zonke iidemon zambongoza, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. 13 UYesu wabavumela ngoko nangoko. Baphuma oomoya abangcolileyo, bangena ezihagwini; umhlambi wagxalathelana wehla eweni, waya elwandle, malunga namawaka amabini;, warhaxwa elwandle. 14 Abo babezalusa iihagu babaleka baya kuxela oku esixekweni nasemaphandleni, baza baphuma baya kubona ukuba kwenzekile ntoni na. 15 Beza kuYesu, bambona lowo ubephethwe ziidemon, nomkhosi, ehleli, enxibe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. 16 Abo babonileyo babaxelela indlela okwenzeke ngayo kowayenedemon, kwanangeehagu.

6


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

17 Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. 18 Akungena emkhombeni, lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye. 19 Kodwa uYesu akamvumelanga, kodwa wathi kuye, Hamba uye ekhaya kubahlobo bakho, ubaxelele ukuba zinkulu kangakanani izinto iNkosi ekwenzele zona, nendlela eye yakwenzela ngayo inceba. 20 Wemka, waqala ukuvakalisa eDekapoli izinto ezinkulu uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke abantu. Bakhupha iidemon ezininzi, bathambisa ngeoyile abantu abaninzi abagulayo, babaphilisa. UMarko 6:13 UMarko 7:2 4-30 24 Wesuka apho, waya emideni yaseTire naseSidon, wangena endlwini, engathandi ukuba kwazi mntu; kodwa wayengenakufihlakala. 25 Kuba umfazi othile, ontombi yakhe yayinomoya ongcolileyo, wakuva ngaye, weza wawa ezinyaweni zakhe; 26 Lo mfazi wayengumGrike, engumSirofenike ngohlanga; wamcela ukuba akhuphe idemon entombini yakhe. 27 Kodwa uYesu wathi kuye: “ Makuhluthe abantwana kuqala; kuba akufanelekanga ukuthabatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.” 28 Waphendula wathi kuye, Ewe, Nkosi; kodwa nezinja eziphantsi kwetafile zidla iimvuthuluka zabantwana. 29 Wathi kuye, Ngenxa yeli lizwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. 30 Wafika endlwini yakhe, wafumana idemon iphumile, intombi yakhe ilele ebhedini. Kodwa wajika, wajonga abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana; ngokuba awucingi ngezinto zikaThixo, ucinga ngezinto zabantu. UMarko 8:33 UYohane wamphendula wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samnqanda, ngokuba engasilandeli thina. UMarko 9:38 UYesu wavuka kusasa ngomhla wokuqala weveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon ezisixhenxe. Le miqondiso iya kulandelana nabo bakholwayo: Egameni lam baya kukhupha iidemon, bathethe ngeelwimi ezintsha; UMarko 16:9 , 17 ULuka 4:1-13 1 UYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wakhokelelwa nguMoya entlango. 2 Ehendwa ngumtyholi iintsuku ezingamashumi amane, akadla nto ngaloo mihla; zakuphela, walamba. 3 Wathi ke uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. 4 UYesu wamphendula wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke kaThixo. 5 UMtyholi, emnyusela entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zehlabathi ngesiquphe. 6 UMtyholi wathi kuye, Ndiya kukunika lonke eli gunya, nozuko lwazo; ngokuba linikelwe kum; kwaye ndilinika nabani na endithandayo. 7 Ngoko ke, ukuba uya kuqubuda kum, konke oko koba kokwakho. 8 Waphendula uYesu wathi kuye, Suka uye emva kwam, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. 9 Wamsa eYerusalem, wammisa eluphahleni lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya;

7


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

10 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho izithunywa zakhe ngawe, ukuba zikugcine; 11 Baya kukuthwala ngezandla zabo, hleze ubetheke ngonyawo lwakho elityeni. 12 Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho. 13 Waza uMtyholi, akuba egqibile konke ukulinga, wemka kuye okwethutyana. Kwaye endlwini yesikhungu kwakukho umntu onomoya wedemon engcolileyo, wadanduluka ngezwi elikhulu, uYesu wamkhalimela, esithi, Yithi cwaka, uphume kuye. Yaza idemon yamphosa phakathi, yaphuma kuye, ayamenzakalisa. Luka 4:33,35 Needemon zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguKristu uNyana kaThixo. Waza wabakhalimela, akabavumela ukuba bathethe; kuba babesazi ukuba unguKristu. Luka 4:41 Kuba uYohane uMbhaptizi weza engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon. Luka 7:33 Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya ogama linguMagadala, ekwaphuma kuye iidemon ezisixhenxe, Luka 8:2 Abo bangasecaleni kwendlela ngabo bevayo, aze afike uMtyholi, alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa baze basindiswe. Luka 8:12 ULuka 8:26-39 26 Bafika kwilizwe lamaGadarene, elimalunga nelaseGalili. 27 Akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile iphuma emzini, eyayinedemon ixesha elide, ingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isemangcwabeni kuphela. 28 Uthe akumbona uYesu, wadanduluka, wawa phambi kwakhe, wathi ngezwi elikhulu, Ndinantoni na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo oPhezukonke? Ndiyakukhunga, ungandithuthumbisi. 29 (Kuba wayewuyalele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini. Kuba ubembambe izihlandlo ezininzi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamatyathanga; waza waziqhawula iintambo, waqhutyelwa entlango yidemon.) 30 UYesu wambuza esithi, “ Ungubani igama lakho?” Wathi, “NdinguMkhosi,” kuba iidemon ezininzi zazingene kuye. 31 Bambongoza ukuba angabayaleli ukuba baye enzonzobileni. 32 Kwakukho umhlambi weehagu ezininzi zisidla entabeni, zaza zamcela ukuba azivumele zingene kuzo. Wazivumela ke. 33 Zaphuma ke iidemon endodeni, zangena ezihagwini; umhlambi wagxalathelana wehla eweni, waya elwandle, warhaxwa. 34 Bakukubona oko kwenzekileyo abo babezalusa, basaba, baya kuxela emzini nasemaphandleni. 35 Baphuma ke baya kubona okwenzekileyo; beza kuYesu, bamfumana umntu owayephumile kuye iidemon, ehleli ezinyaweni zikaYesu, embethe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. 36 Abo babonileyo babaxelela indlela aphiliswe ngayo lowo wayeneedemon. 37 Ke kaloku inkitha yonke yelizwe lamaGadarene elijikelezileyo yamcela ukuba emke kubo; kuba babebanjwe luloyiko olukhulu; wangena emkhombeni, wabuya. 38 Ke kaloku indoda leyo yayiphumile kuyo iidemon yayimbongoza ukuba abe naye; kodwa uYesu wayindulula, esithi, 39 Buyela endlwini yakho, uxele ukuba uThixo ukwenzele izinto ezinkulu kangakanani na.” Wahamba, wavakalisa kulo lonke isixeko izinto ezinkulu uYesu azenzileyo kuye. Waza wababizela ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika amandla negunya phezu kwazo zonke iidemon, nokuphilisa izifo. Luka 9:1

8


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Uthe esasondela, idemon yamwisa phantsi, yambetha kakhulu. UYesu wamkhalimela umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise. Luka 9:42 UYohane waphendula wathi: “Mfundisi, sibone umntu ekhupha iidemon egameni lakho, samnqanda, kuba akalandeli nathi.” UYesu wathi kuye: “ Musani ukumnqanda; kuba ongachasene nathi ungakuthi.” Luka 9:49-50 Babuya ke abangamashumi asixhenxe bevuya, besithi, Nkosi, needemon ziyasithobela egameni lakho. Wathi kubo, Ndimbonile uSathana njengombane esiwa ezulwini. ULuka 10:17-18 ULuka 11:14-20 14 Wayekhupha idemon, yaye yayisisimumu. Kwathi, yakuphuma idemon, isimumu sathetha; kwaye abantu bamangaliswa. 15 Kodwa abanye kubo bathi, Ukhupha iidemon ngoBhelezebhule, inkosi yeedemon. 16 Baye abanye bemlinga, befuna kuye umqondiso ovela ezulwini. 17 Kodwa yena, ezazi iingcinga zabo, wathi kubo: “ Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyawa, nendlu eyahlulelene nendlu iyawa.” 18 Ukuba noSathana wahlulelene yedwa, ubukumkani bakhe buya kuma njani na? Ngokuba nithi ndikhupha iidemon ngoBhelezebhule. 19 Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani oonyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu. 20 Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngokuqinisekileyo ubukumkani bukaThixo bufikile kuni. Lo mfazi, oyintombi ka-Abraham, lowo uSathana wayembophile, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengafanele na ukukhululwa kulo mxokelelwane ngomhla wesabatha? ULuka 13:16 Wathi kubo, Hambani niye kuthi kuloo mpungutye, Yabona, ndikhupha iidemon, ndiphilise abantu namhlanje nangomso, ndize ngomhla wesithathu ndigqibelele. Luka 13:32 Emva koko uSathana wangena kuYudas, ogama linguSikariyoti, owayengomnye wabalishumi elinababini. ULuka 22:3 INkosi yathi, Simon, Simon, uyabona, uSathana unifunile ukuba anihluze njengengqolowa; kodwa ndinithandazele, ukuba ukholo lwenu lungapheli; xa nithe naguquka, bomelezeni abazalwana benu. Luka 22: 31-32 UYesu wabaphendula wathi, Andininyulanga na nina shumi elinambini, kodwa omnye kuni ungumtyholi? Yohane 6:70 Isihlwele saphendula sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? Yohane 7:20 Nina ningabakayihlo uMtyholi, neenkanuko zikayihlo niya kuzenza. Yena wayengumbulali kwasekuqaleni, akahlalanga enyanisweni, kuba akukho nyaniso kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; kuba ulixoki, noyise wabo. Yohane 8:44 Aphendula amaYuda athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ungumSamariya, nokuba unedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon; ndimhlonela uBawo; nina ke niyandihlaza. Yohane 8:4849

9


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Athi ngoko amaYuda kuye, Kaloku siyazi ukuba unedemon. UAbraham ufile, nabaprofeti bafile; wena uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuze eve kufa naphakade. UYohane 8:52 Abaninzi kubo bathi, Unedemon, uyaphambana; nimphulaphulelani na? Abanye bathi, La mazwi asingowomntu onedemon. Idemon ingavula na amehlo eemfama? Yohane 10:20-21 Kwakuthe ke, isidlo sangokuhlwa siphelile, uMtyholi sele ekufakile entliziyweni kaYudas Iskariyoti, unyana kaSimon, ukuba amngcatshe; Yohane 13:2 Emva kweqhekeza elo, uSathana wangena kuye. Wathi ke uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze ngokukhawuleza. UYohane 13:27 Kodwa uPetros wathi, Ananiya, kutheni na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba uxokise uMoya oyiNgcwele, ufihle inxalenye yexabiso lomhlaba? IZenzo 5:3 Indlela uThixo awamthambisa ngayo uYesu waseNazarete ngoMoya oyiNgcwele nangamandla: owahambahamba esenza okulungileyo, ephilisa bonke abacinezelweyo nguMtyholi; kuba uThixo wayenaye. IZenzo 10:38 Wathi, Wena uzele bubuqhetseba bonke nabubuqhetseba bonke, nyana woMtyholi, lutshaba lobulungisa bonke, awuyi kuyeka na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? IZenzo 13:10 Ukuvula amehlo abo, nokubaguqula ebumnyameni baye ekukhanyeni, nokubasusa emandleni kaSathana baye kuThixo, ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabo bangcwalisiweyo ngokukholwa kum. IZenzo 26:18

Iileta UThixo woxolo uya kumtyumza uSathana phantsi kweenyawo zenu kamsinya. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. KwabaseRoma 16:20 Ukumnikela onjalo kuSathana, ukuze inyama itshatyalaliswe, ukuze umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu. 1 kwabaseKorinte 5:5 Musani ukukhohlisana, ngaphandle kokuba nivumelene okwexeshana, ukuze nizinikele ekuzileni nasekuthandazeni; nize nihlangane kwakhona, ukuze uSathana anganihendi ngenxa yokungakwazi kwenu ukuzibamba. 1 kwabaseKorinte 7:5 Kodwa ndithi, izinto ezinikelwa ziintlanga, zibingelela kwiidemon, kungekhona kuThixo: kwaye andifuni ukuba nibe nobudlelwane needemon. Aninakusela indebe yeNkosi, nendebe yeedemon: aninakwabelana ngetafile yeNkosi, netafile yeedemon. 1 kwabaseKorinte 10:20-21 Hleze uSathana asifumane ithuba lokuba sifumane ithuba: kuba asingobantu abangawaziyo amaqhinga akhe. 2 kwabaseKorinte 2:11 Kuba abo banjalo ngabapostile bobuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, beziguqula babe ngabapostile bakaKristu. Akumangalisi ke, kuba noSathana ngokwakhe uziguqula abe sisithunywa sokukhanya. 2 kwabaseKorinte 11: 13-14

10


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Kwaye ukuze ndingaphakanyiswa ngaphezu komlinganiselo ngenxa yobuninzi bezityhilelo, ndanikwa iliva enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuba sindibethe, ukuze ndingaphakanyiswa ngaphezu komlinganiselo. 2 kwabaseKorinte 12:7 Musani ukumvumela uMtyholi ukuba angene kwindawo. Kwabase-Efese 4:27 Nxibani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumelana namaqhinga kaMtyholi. KwabaseEfese 6:11 Kungoko sathanda ukuza kuni, mna Pawulos, kanye nakabini, kodwa uSathana wasithintela. 1 KwabaseTesalonika 2:18 Uya kwandula ke ukutyhilwa lowo ungendawo, lowo iNkosi iya kumtshabalalisa ngomoya womlomo wayo, imtshabalalise ngokubonakala kokufika kwayo: lowo ukufika kwakhe kungokokusebenza kukaSathana ngayo yonke imisebenzi yamandla nemiqondiso nezimanga zobuxoki, nangayo yonke inkohliso yokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa yokuba bengalwamkelanga uthando lwenyaniso, ukuze basindiswe. 2 KwabaseTesalonika 2: 8-10 AbanoHimenayo noAlesandire, endibanikele kuSathana, ukuze baqeqeshwe ukuba banganyelisi. 1 Timoti 1:20 Angabi ngumntu osandula ukuqalisa, hleze akhukhumale aze awele ekugwetyweni nguMtyholi. Ngaphezu koko, umele ukuba nobungqina obuhle ngabo bangaphandle, hleze awele ekungcikivweni nasesibatheni sikaMtyholi. 1 Timoti 3:6-7 Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo, ngamaxesha okugqibela abanye baya kumka elukholweni, benyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon; 1 Timoti 4:1 Kuba abanye sele bephambukele emva kukaSathana. 1 Timoti 5:15 Baze babuye baphile emgibeni woMtyholi, ababanjiswe nguye ngentando yakhe. 2 Timoti 2:26 Ekubeni ngoko abantwana bengamadlelane enyama negazi, naye ngokwakhe wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngokufa amtshabalalise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi; KumaHebhere 2:14 Uyakholwa ukuba kukho uThixo omnye; wenza kakuhle; needemon nazo ziyakholwa, zingcangcazele. Yakobi 2:19 Obu bulumko abuveli phezulu, koko bubobehlabathi, bubobemvelo, bubobukademon. Yakobi 3:15 Mthobeleni uThixo, nimchase uMtyholi, wonibaleka. Yakobi 4:7 Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8 Lowo wenza isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wona kwasekuqaleni. Ngenxa yesi sizathu uNyana kaThixo wabonakaliswa, ukuze ayitshabalalise imisebenzi kaMtyholi. Ngaloo nto babonakala abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi; bonke abangenzi bulungisa abangobakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. 1 Yohane 3:8,10

11


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

Kodwa uMikayeli, isithunywa sezulu, xa wayephikisana noMtyholi ngomzimba kaMoses, akazange abe nabuganga bokummangalela, kodwa wathi, “INkosi mayikukhalimele.” Yuda 1:9

ISityhilelo Ndiyazi imisebenzi yakho, nembandezelo yakho, nobuhlwempu bakho, (kodwa usisityebi) kwaye ndiyazazi ezinyeliso zabo bathi bangamaYuda, kodwa bengengawo, kodwa beyindlu yesikhungu kaSathana. Musa ukoyika izinto oza kubandezeleka ngazo: uyabona, uMtyholi uza kuphosa abanye benu entolongweni, ukuze nilingwe; kwaye niya kuba nembandezelo imihla elishumi: thembeka kude kube sekufeni, kwaye ndiya kukunika isithsaba sobomi. ISityhilelo 2: 9-10 Ndiyazi imisebenzi yakho, nalapho uhlala khona, apho isihlalo sikaSathana sikhona; kwaye ubambe igama lam, kwaye awuzange ulukhanyele ukholo lwam, kwanangaloo mihla uAntipas wayengumfeli-nkolo wam othembekileyo, owabulawa phakathi kwenu, apho uSathana ahlala khona. ISityhilelo 2:13 Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, bonke abangenayo le mfundiso, nabangazazanga iinzulu zikaSathana, njengoko besitsho: Andiyi kunibeka mthwalo wumbi. ISityhilelo 2:24 Ndiya kubenza abo bavela kwisikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda, bengengawo, kodwa bexoka; ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba ndikuthandile. ISityhilelo 3:9 Babenokumkani phezu kwabo, ingelosi yenzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon, kodwa ngesiGrike igama lakhe linguApoliyon. ISityhilelo 9:11 Ke abanye abantu abangabulawanga zezi zibetho abaguqukanga kwimisebenzi yezandla zabo, ukuze banganquli iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako ukubona, nokuva, nokuhamba: ISityhilelo 9:20 Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka endala, ebizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ukhohlisa ihlabathi liphela; yaphoswa emhlabeni, neengelosi zayo zaphoswa kunye nayo. Ngenxa yoko vuyani, nina mazulu, nani nihlala kuwo. Yeha, nina bemi bomhlaba nolwandle! Kuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, kuba esazi ukuba ixesha lakhe lifutshane. ISityhilelo 12:9,12 Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso, abaphuma baye kookumkani bomhlaba nabehlabathi liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla. ISityhilelo 16:14 Wadanduluka ngamandla ngezwi elikhulu, esithi, Iwile, iwile iBhabheli enkulu, yaba likhaya leedemon, nendawo yokufihla bonke oomoya abangcolileyo, nendawo yokufihla zonke iintaka ezingcolileyo nezithiyekileyo. ISityhilelo 18:2 Yayibamba inamba, loo nyoka yakudala, enguMtyholi, uSathana, yaza yayibopha iminyaka eliwaka, Xa iminyaka eliwaka iphelile, uSathana uya kukhululwa entolongweni yakhe, UMtyholi owabalahlekisayo waphoswa echibini lomlilo nesalfure, apho kukho khona irhamncwa nomprofeti wobuxoki, baza kuthuthunjiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade. ISityhilelo 20:2 , 7 , 10

12


USathana Needemon

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba umchasi wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 1 Petros 5:8

I-Apocrypha Wathi kuye, Ukuba sichukumisa intliziyo nesibindi, ukuba idemon okanye umoya ongendawo uyasikhathaza, simele sitshise phambi kwendoda okanye umfazi, kwaye iqela alisayi kuphinda likhathazeke. Kwaye idemon iya kuyivumba, ibaleke, ingaphindi ibuye kwakhona: kodwa xa nifika kuyo, vukani nobabini, nithandaze kuThixo onenceba, oya kunibabala, anisindise: ningoyiki, kuba imiselwe nina kwasekuqaleni; kwaye niya kuyigcina, kwaye iya kuhamba nani. Ngaphezu koko ndicinga ukuba iya kunizalela abantwana. Ke kaloku akuba uTobias ezivile ezi zinto, wamthanda, kwaye intliziyo yakhe yanamathela kuye. Tobit 6:7,17 Nangona kunjalo, ngenxa yomona womtyholi kwangena ukufa ehlabathini, kwaye abo babambelela ecaleni lakhe bayakufumana. Ubulumko bukaSolomon 2:24 Xa umntu ongengomhloneli uThixo eqalekisa uSathana, uqalekisa umphefumlo wakhe. INtshumayeli 21:27 Kuba nimcaphukisile lowo wanenzayo ngokubingelela kwiidemon, kungekhona kuThixo. Kuba umlilo uya kuza phezu kwayo uvela kwiphakade, ohlala ixesha elide; kwaye iya kuhlala iidemon ixesha elide. Bharuki 4:7,35

13


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - Satan and the Devils by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu