Skip to main content

Xhosa - God-given Breath

Page 1

Umphefumlo onikwe nguThixo Yonke into ephefumlayo mayimdumise uYehova. Mdumiseni uYehova. INdumiso 150:6

IiPentateuch UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lomhlaba, waphefumlela emathatheni akhe umoya wobomi, umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo. Genesis 2:7 Mna ke, ndizisa unogumbe wamanzi emhlabeni, ukuze nditshabalalise yonke inyama enomoya wobomi, phantsi kwezulu, yonke into esemhlabeni iya kufa. Genesis 6:17 Zangena kuNowa emkhombeni, ngambini ngambini kuyo yonke inyama, apho kukho umoya wobomi khona. Genesis 7:15 Zonke izinto ezaziphefumla ubomi emathatheni azo, zonke izinto ezazisemhlabeni owomileyo, zafa. Genesis 7:22 Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo. Duteronomi 20:16

Imbali UYoshuwa walitshabalalisa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi, nelasezihlanjeni, nelasezintabeni, nabo bonke ookumkani balo; akashiyanga namnye usindileyo, watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko uYehova uThixo kaSirayeli wamwisela umthetho. Yoshuwa 10:40 Babulala bonke abantu ababekuyo ngohlangothi lwekrele, babatshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; wayitshisa iHatsore ngomlilo. Onke amaxhoba ale mizi, neenkomo, oonyana bakaSirayeli bazithimbela; kodwa babulala wonke umntu ngohlangothi lwekrele, bade babatshabalalisa, abashiyanga namnye uphefumlayo. Yoshuwa 11:11,14 Kwabonakala imijelo yolwandle, kwatyhilwa iziseko zehlabathi, ngokukhalimela kukaYehova, ngokufutha komoya weempumlo zakhe. 2 Samuweli 22:16 Kwathi, akuba ngukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham, akashiyanga namnye uphefumlayo kuYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo: 1 Kumkani 15:29 Kwathi emva kwezi zinto, unyana waloo mfazi, inkosikazi yendlu, wagula, isifo sakhe saba sibi kakhulu, akwabakho kuphefumla kuye. 1 Kumkani 17:17


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Xhosa - God-given Breath by Filipino Tracts and Literature Society Inc. - Issuu