Isithembu EsiseBhayibhileni ULameki wazeka abafazi ababini, igama lomnye lalinguAda, igama lomnye lalinguZila. Genesis 4:19 Ukuba ithe yamthathela omnye umfazi, mayinganciphisi ukutya kwayo, nezambatho zayo, nemfanelo yayo yomtshato. Ukuba ayimenzi ezi zinto zontathu, mayiphume ikhululekile ngaphandle kwemali. Eksodus 21:10-11 Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, baza bamzalela abantwana, lowo uthandwayo nothiyiweyo; ukuba unyana wamazibulo ngowalowo uthiyiweyo, kothi, xa inika oonyana bayo ilifa loko inako, mayingamniki unyana walowo uthandwayo izibulo phambi konyana wothiyiweyo, ongowamazibulo ngenene; kodwa mayimamkele unyana wothiyiweyo njengowamazibulo, imnike isabelo esiphindwe kabini sento yonke enayo; kuba yena ungowokuqala amandla akhe; ilungelo lalowo ungowamazibulo lelakhe. Duteronomi 21:15-17 Ukuba abantu bahleli ndawonye, omnye wabo wafa engenamntwana, umfazi womfi makangendi nomntu wasemzini ngaphandle; umntakwabo-myeni wakhe makangene kuye, amzeke abe ngumkakhe, enze okomntakwayo. Kothi ke, owamazibulo amzeleyo angene egameni lomntakwabo ofileyo, lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli. Ukuba indoda leyo ayithandi ukumthabatha umfazi womntakwabo, makanyuke umfazi womntakwabo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Umzalwana wendoda yam uyala ukumvelisela igama umntakwayo kwaSirayeli, akavumi ukumlandela. Amadoda amakhulu omzi wakhe aya kuyibiza, athethe nayo; ukuba iyavumelana nayo, ithi, Andithandi ukumthabatha; Umka-mntakwabo wofika kuye phambi kwamadoda amakhulu, akhulule izihlangu zakhe ezinyaweni zakhe, atshice ebusweni bakhe, aphendule athi, Makwenziwe njalo kulowo ungayakhiyo indlu yomzalwana wakhe. Igama lakhe malibizwe kwaSirayeli ngokuthi, Indlu yomkhululi-zihlangu zakhe. Duteronomi 25:5-10 Ngaloo mini abafazi abasixhenxe baya kubamba indoda enye, besithi, Siya kudla isonka sethu, sambathe iingubo zethu; masibizwe ngegama lakho kuphela, ukuze kususwe ingcikivo yethu. Isaya 4:1 1