
1 minute read
Yingxaki imvula eninzi kwimfuyo
EZILE BINTA
IMVULA eninzi ibangela iintlobo zamakhalane ezininzi ezifuna ingqwalasela kuba ziyayichaphazela kakubi imveliso yemfuyo.
Advertisement
Amafama kubalulekile ukuba abenengqwalasela kweli khalane liphila ubomi balo ngokukhulela izigaba zalo kwizilwanyana ngezilwanyana, khalane elibizwa ngokuba yindlanga okanye qwelagqibe.
Ngenxa yobushushu nobumanzi obuthe basombatha kwezi ntsuku, amakhalane afumana ithuba lokukhula ngamandla ngokwamanani kumadlelo ethu.
Indlanga iphila isigaba ngasinye kwizilwanyana ezohlukileyo (umbungu omncinci, ophakathi, ikhalane elidala).
Ibugqiba ubomi bokukhula kwisithuba esingangonyaka phantsi kweemeko ezivumayo zemozulu njengalo nyaka ka2023.
Imazi yeli khalane xa sele indala izalela amaqanda afika ku18000. Isigaba ngasinye sokukhula sithatha kangangeveki lizondla kwisilwanyana eso phambi kokuba liwe, lobuze lizophindela kwesinye isilwanyana okanye lizalele amaqanda ukuba liyimazi efikelele ebudalani.
Amaqanda athatha iinyanga phambi kokuba aqanduselwe. Iindlanga zithanda uhlala kwiindawo ezilandelayo emsileni, emabeleni, kwisingxobo esithwele ubudoda, esiswini, indlebe nasezinyaweni.
Indlanga ingayingxaki kumfama ngenxa yoku kulandelayo:
Yenza usuleleko kubangele isifo unomkhonwana, ibangela iziva apho itye khona emntwini.
Indlanga inomlomo omde nto leyo ebangela kudaleke amanxeba athi akhokelele intsholongwane nempethu.
Kwimfuyo emfutshane ibangela ukuqhwalela xa ithe yahlala phakathi kwempuphu.
Xa ethe amaninzi la makhalane abangela ukuhla emzimbeni , kwicwaningo olwakhe lwenziwa lwabonisa ukuba kwiinkomo ezindala ezazihlaseleke kakhulu kwabakho ukwehla emzimbeni kangange 20 kg kwiinyanga ezintathu nesinqingatha xa kuthelekiswa nezo zazingahlaselekanga. Kolo vavanyo ilahleko ekwisisindo esingu 10 g saboniswa sisiza ngemazi nganye yeli khalane.
Indlela esebenzayo ukulinqanda ikhokhelele imveliso entle yidiphu efufuzwayo ezixutywa namanzi kwaye ifufuzeka lula usebenzisa iintlobo zokufufuza, ukufufuza ngesifufuzi sesandla, isifufuzi esakhiweyo senkomo (spray race) okanye apho ziqubha khona (plug dip).
Blue tick eli liqhizane elizintlobo ezimbini african okanye common blue tick kunye ne-asiatic. Iqhizane likhulela izigaba zobomi balo ( esobuntwana, esiphakathi nesobudala) liziphilela kwisilwanyana esinye ubomi balo ukusukela eqandeni ukuya kwisigaba sobuntwana ukuya kwesiphakathi ukuyokufika ebudaleni.
Buthatha ngokwexesha inyanga ubude balo. Olu hlobo lwekhalane liyakwazi ukugqiba izigaba zalo zokukhula kude kube kathathu kwisigaba esinye sonyaka. Imazi enye ithi igcwale ibe nkulu izalele intlaninge yamaqanda asuka ku2500 ukuya 3500 nokuba kuthe kwaqanduselwa ambalwa kula maqanda, athi aphile nawo azalela awawo amaqanda ze amakhulukhulu alandele nawo ukuqanduselwa kwinyanga ukuya kwezimbini ezilandelayo.
Iqhizane libangela umanzabomvu nenyongo ezinkomeni.
Eli qhizane liyazondla ezibhokweni nasezigusheni.
Ukuba uthe awalinqanda lisaqala, phaya entwasahlobo lithi liphindaphindane ukubalininzi nto leyo ibangela kubenzima ukulwa umonakalo walo phaya ehlotyeni nasekwindla .
Ubungozi beqhizane kwimfuyo:
Afunxa igazi nto leyo ikhokelela kwilahlekogazi emzimbeni.
Isimo somzimba siyehla nto leyo ikhokhelela ukwehla kobunzima bomzimba.
Imveliso yobisi iyehla kakhulu.
Izikhumba ziyonakala kwehle umgangatho wazo.
Ibangele izifo ezifana nomanzabomvu, inyongo, unomkhonwana, ukubila komzimba kunye nechwane.
Indlela yokunqanda amakhalane ikhokhelele ingeniso ephezulu kusebenzisa idiphu egalelwa emqolo nesitofu.