
8 minute read
Ndikufunde kuGoogle ukulima
3 Ndikufunde kuGoogle ukulima
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
Advertisement
UBUNZIMA bokungabi namhlaba nemali yokuvelisa ukutya kumkhuthaze ukuba aqhubele phambili iphupha lakhe lokulima uNonzukiso Matiwane waseSulenkama kuQumbu. “Umdla nothando lokulima ngaphandle kolwazi lufana nento engekhoyo. Mna ndingathi ndingumfama kaGoogle, kuba ndifunde yonke into kuGoogle,” kucacisa uMatiwane.
Utyhola amafama asakhulayo nalawo sele ephumelele ngokungafuni kwabelana nabanye abantu ngolwazi neendlela ezenze ukuba aphumelele. Ngenxa yokudinga umhlaba, lo mfama uqale ngokuboleka umhlaba oyihektare enye kumfama omhlophe ePitoli evelisa iindidi zokutya.
“Kwiingxaki eziphambili zethu singamafama asaqalayo, ingxaki yomhlaba yeyona iphambili. Ndawuboleka umhlaba kumntu onomhlaba omkhulu kakhulu, kodwa kamva wavukwa ngumona,” utsho uMatiwane.
Emva kokukhula kwesivuno sakhe setswele, ipepile eluhlaza nekhaphetshu, wawuthatha umhlaba umfama.
“Ndandithengisa emsebenzini, ndithengisela nabantu ekuhlaleni, ngenxa yokuba ethathe umhlaba wakhe lo mfama womlungu ndagqiba ukuba ndize kusebenzela apha ekhaya eSulenkama,” utsho.
Uthi ulwazi yenye yezinto ezingundoqo kwabo bafuna ukuba yinxalenye yenkqubo yokuveliswa kokutya ngokulima eMpuma Koloni.
“Yonke into endiyenza apha ndiyenza ndisebenzisa umrholo wam, akukho ncedo ndikhe ndalufumana ndawo, ndithenga imbewu, izichumiso, ndiqeshe nomntu wokugcina intsimi,” utsho uMatiwane.
Ukusebenza ePitoli abe kwelinye icala elima intsimi eseSulenkama kuQumbu, kumnika ingxaki enkulu. “Ukuba ujonge elinye ikhaphetshu apha linamabala amabi, yonke lo nto yenziwa kukungabikho apha ngenxa yempangelo, nangoku ndisebenzise uGoogle ukufumana ulwazi lokuba kutheni linje ikhaphetshu lam,” utsho uMatiwane.
Emva kokuzula ekhangela umhlaba ufumene umhlaba oza kumenza ukuba anabise iimpiko zakhe kwezolimo.
“Ndifumene umhlaba oziiHektare ezilishumi, kuwo ndifuna ukulima itswele ndigxile kulo kakhulu, ndaziwe ngento ethile endiyenzayo, zingabininzi,” lowo ngumnqweno wakhe.
Ukuphangela nako kubangela ukudodobala komsebenzi wakhe wokulima kodwa unaso isicwangciso.
“Ndikwiinzame zokuyeka ukusebenza ndichithe ixesha lam kwinto endiyithanda kakhulu ukulima,” utsho.
Ngethuba eli phephandaba, iEntsimini, lityelela lo mfama ube ndulula umthwalo wekhaphetshu ubusiya emalikeni.
“Sigqiba kuthengisa amakhaphetshu angamakhulu amane, sisebenzisa iveni enye, ayikwazi kuthwala umthwalo ongaphezu koko, abanye ke bathenga ngaphantsi kwelo nani,” kucacisa uMatiwane.
Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga kaNovemba wonyaka ophelileyo, amafama asakhulayo ebedibene ePitoli exoxa ngamacebo okuthengisa kwiimalike ezinkulu.
“Silidinga kakhulu ulwazi lokungena sithengise kwiimalike ezinkulu, kungekho mntu wesithathu phakathi kwethu nabathengi beemveliso zethu.” Ukuhlala ekhangela ulwazi ngokusebenzisa uGoogle kungqinelana noluvo lwehlabathi lokuba ukusebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla kunganceda ukukhulisa amafama asakhulayo.
UNonzukiso Matiwane uphuma kwindlu yobuKumkani bamaMpondomise ekwakwilali alima kuyo.
UNonzukiso Matiwane ongumlimi ozifundise ngo Google.
DICLA TRAINING AND PROJECTS
169 Maidenhead Farm | Komani 5320 Tel: 045 838 1904 | Email:office.diclaqtn@gmail

DICLA TRAINING AND PROJECTS
DICLA Training and Projects was established in 2008. The aim was to provide accredited training courses which are aligned to the SAQA, unit standard requirements in the agricultural sector for the employed, unemployed, emerging farmers, youth, women and people with disabilities. Our director and staff have a wealth of experience in agriculture, training, management and project management. Our facilitators are graduates of tertiary institutions, agricultural colleges and universities; and are accredited assessors with AgriSETA. DICLA Training and Projects is registered with the Department of Industry as a Private Company, has 100% B-BBEE (Broad Based Black Economi c Empowerment) status and accredited as a training, service provider by AgriSETA Vision -World abundance through farming innovations Mission -To develop and enhance the knowledge and skills of learners thus adding value to our nation by contributing to society through improved job performance.
OBJECTIVES
• Promote entrepreneurial skills within the farming community. • Structured skills development and training programs aimed at grass roots level. • Empower food security project participants through training and partnership programs. • Reduce unemployment and poverty by create self-reliance. • Empower emerging and commercial farmers to manage and sustain their enterprises. • Practical application of skills for learners in all training programmes • Enhance the economic status of farming communities
• Improve the quality of life of local communities by creating capacity for increased income through the acquisition of skills.
SERVICES
BUSINESS COACHING
• Our goal is to create a world abundance through business education; teaching the farmers and the key stake holders the essential business skills to run their farms like a business.






UPCOMING SHORTCOURSE TRAININGS:

Merino Sheep, Nguni Cattle, Bonsmara Cattle
PLANT PRODUCTION LEVEL 2 • SAQA ID: 48975
• Credits: 12
• Dates: 01/02/2021 – 19/02/2021 AQUACULTURE LEVEL 2 • SAQA ID: 59016
• Credits: 11
• Dates: 01/02/2021 – 1902/2021 (PIGGERY) ANIMALPRODUCTION LEVEL 2 • SAQA ID: 116276
• Credits; 8
• Dates: 08/02/2021 – 26/02/2021

Umfama nomfuyi waku Komani uLizo Mandlendoda ebonisa ngochulumanco izityalo athe wazivuna waze wazilungiselela intengiso.
Abonwa ngomsebenzi aMandlendoda!
SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
ULIZO Mandlendoda ongumfama, umqeqeshi wamafama nokwangumfuyi wezilwanyana zasendle uthi ukulima nokufuya yinto asuka nayo ekhayeni lakhe.
Lo mfama wakuKomani, oyinzalelwane yaseSterkspruit ulima iindidi zemifuno ekwafundisa amafama aqalayo iindlela zokulima, ukukhathalela umhlaba nokukhathalela imfuyo.
“Yonke le nto isuka ekhaya kutata ondizalayo, ebelima kakhulu phaya kweza lali zaseSterkspruit, ndisoloko ndihamba ecaleni kwakhe maxesha onke,” kucacisa uMandlendoda.
Lo mlimi-mfuyi usebenze njengejoni lomkhosi woMzantsi Afrika, nathe ngaxeshanye wazixhobisa ngolwazi lokufuya nokulima phantsi kwenkampani yakwaDicla eRawutini.
“Bendizinika ithuba lokuba ndiye kufunda banzi ngeendlela zokulima nokufuya.
Ndifunde banzi ke kanye ngelo xesha ndisasebenza emkhosini, kule nkampani kuthwa yiDicla,” utsho uMandlendoda.
Ukuqala kwakhe ukulima eKomani uqale ngomhlatyana ozihektare ezilishumi kuphela.
“Ngenxa yokuqhuba kakuhle kweemveliso zale fama ndikwazile ukuphinda ndithenge umhlaba ozihektare ezilishumi onendawo yokulala abantu, ndathenga ezinye ezingamashumi amabini anesibini iihectare. EMetele ndinefama ezihektare ezingamawaka asixhenxe,” ugadlele watsho uMandlendoda.
Kwifama yaseMetele uMandlendoda ufuye iinkomo zohlobo lweBonsmara, iigusha zeDonhe Merino, iibhokhwe zoboya, iiMpala, Kudu, Blessboke nezinye.
Ngokulima, ukufuya nokuqeqeshwa kwamafama, uMandlendoda uvule izithuba zemisebenzi ezicacileyo kwaboMzantsi Afrika.
“Sityala imifuno, sifundisa abantu ukutyala, sikhathalela izilwanyana, sinabasebenzi abalikhulu namashumi amabini apha eKomani, eMetele ngamashumi amabini anesine, Kuruman ngamashumi amathathu, Carltonville basibhozo, eOgies eMpumalanga basibhozo,” utsho uMandlendoda.
Ububanzi bomsebenzi wakhe benze ukuba angene ngamandla kumaphondo aquka uMntla Koloni, Freyistata naseMntla Ntshona.
“Siqeqesha abasebenzimgodini ngeendlela zokusebenza ngemibhobho yamanzi, ukusebenza ngeentsimbi, sikwaqeqesha abo babe sakusebenza emigodini kwizakhono zokufuya nokulima,” utsho uMandlendoda.
Uqeqesho lwakhe UMandlendonda ehlola izityalo entsimini yakhe.


lusemthethweni nanjengoko engqinelwa zintlola eziphuma kwiindawo ezifana neAgriSeta nezinye ezigunyazisayo.
“Ingxaki yamafama amnyama kukungavumi ukumanyana sisebenze sonke, kuveliswe into ethile ngulowa, logama omnye evelisa enye,” uthethe watsho uMandlendoda.
Ezinye zeemveliso azithengisa kwiifama zakhe uzithenga kwamanye amafama asaqalayo.
“Ndizama ukukhuthaza amafama asaqalayo, ndikwabonisa ukuba ukuvelisa into enye xa usebenza kubalulekile kuba uyakwazi ukulwa neengxaki zayo ngaphandle kwengxaki,” ucacisa atsho.
Amafama asaqalayo aqeqeshwa apha efundiswa iindlela zokukhathalela umhlaba, izityalo, izichumiso, imfuyo nezinye.
“Amafama eza apha ethunyelwa ngurhulumente, oomasipala abanye bayazizela beze kwenza izifundo zexesha elifutshane,” utsho uMandlendoda.
Uncoma uMasipala waseChris Hani ngokusebenzisa iinkonzo zakhe zoqeqesho nokugonywa kwempahla.
“Sinabasebenzi bethu abaqeqeshwe kwizakhono ezahlukeneyo apha, abanye bafunde banzi ngezilwanyana, ngezityalo abanye bangootitshala, sisebenzisa abo bantu ukuqeqesha amafama,” kutsho uMandlendoda.
Lo kaMandlendoda uvelisa iinyosi eJeffreys Bay logama akwiphulo lokwandisa iziko lakhe loqeqesho.
“Siza kuvula iziko loqeqesho lamafama eIndwe naseDordretch ngeenjongo zokunabisa iinkonzo zethu zokuqeqesha amafama asakhulayo,” utsho.
UAmahle Mjongile wenze izifundo zeNzululwazi yezoLimo eFort Hare. ”Mna ndenza inkqubo ejongene nokuveliswa kwentlanzi, sifundisa uluntu ngendlela zokuvelisa iintlanzi, indlela zokukhuthalela nokukhulisa iintlanzi,” utsho uMjongile.
UBheyi Wezolimo eVukani FM



SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA
UKULIMA nokufuya kwenziwa kukwalandelwa ngabo banothando olunzulu kuko. UBheyi Wezolimo, umsasazi waseVukani FM uphakathi kwabo. UNokhanyo Maceba ubhexesha inkqubo yezolimo nokufuya - into esoloko idityaniswa namadoda amaxesha amaninzi.
Kwinkqubo yakhe engena rhoqo ngentsimbi yesixhenxe ukuqala ngoMvulo ukuya ngoLwesine, uxhobisa, ekhuthaza ekwafundisa amafama ngezolimo nokufuya.
IEntsimini ifumene inyhweba yokuhlala nalo msasazi wezolimo ebhexesha inkqubo ayithanda kunene.
“Okona ndikuthanda kakhulu ngale nkqubo kukufumana ithuba lokuxhobisa, ukufundisa nokukhuthaza amafama kumsebenzi wezolimo nokufuya,” kutsho uBheyi Wezolimo.
Koonomathotholo basekuhlaleni bambalwa abanenkqubo ekumila kunje nejoliswe ukukhuthaza amafama.
“Apha enkqubeni sithetha nabafuyi, abalimi, amagosa karhulumente neengcali eziphuma kumaziko emfundo ephakamileyo nezinye iindawo ezisebenza ngokulima nokufuya,” ucacisa atsho.
IVukani FM yenye kwezitshotsha entla kusasazo lwasekuhlaleni kweli leMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika ukusukela ngeminyaka yoo1996.
“ Inkqubo le yezolimo imanyelwa ngabantu abangaphezu kwekhulu lamawaka rhoqo, elo linani labantu abasimamelayo,” kutsho uBheyi Wezolimo.
Liyakhula inani labasetyhini abadlala indima enkulu kumngxili wokulima nokufuya, oku kubangelwa lulwazi abalufumana kumaziko ohlukeneyo emfundo ephakamileyo. Bambi kubo banothando lokulima nokufuya njengobheyi wezolimo eVukani FM.
Isangxa somfuyi kwingingqi yaseKomani, uGqirha Peter Prinsloo ngomnye wabantu abasebenzisa eli qonga ukuxhobisa ngolwazi amafama.
Xa entyiloza ethetha nabaphulaphuli bakhe uBheyi Wezolimo akunakutsho ukuba uqale ngo2013 ukusasaza. “Ndidibene nokusasaza eTruFM, apho bendingumvelisi wenkqubo eyayisasazwa nguUnathi Myoyo, ndaza emva koko ndabizwa yiVukani FM ngo2020,” kucacisa uBheyi Wezolimo.
Ukusasaza ezolimo kukhatshwa lulwazi olunzulu aluncance kwiYunivesithi yaseFort Hare phezu komlambo iTyhume eDikeni.
“Ndifunde izifundo zeNzululwazi yezoLimo ndigxile kuqoqosho nonxibelelwano phaya kwaSomgxada, ndaza ndasebenza kuMasipala waseNtsika Yethu, owaseMalahleni nakuMasipala ombaxa waseChris Hani,” utsho.
Ngentsebenziswano nenkampani evelisa imifuno eKomani iDicla, le nkqubo yezolimo ikwazile ukunikisa ngeziqhuma zokutya okuquka imifuno kumakhaya angathathi ntweni kunyaka ophelileyo.
“Amanye amafama sidibene nawo esengela emlonyeni. Ngolwazi osuluthulula apha namhlanje noko asengela ethungeni elinomkhitha nesidima,” kucacisa uBheyi Wezolimo.
Uthi bafunzele ukuba bafumaneke kubuxhakaxhaka bala maxesha ukuze amafama asaqalayo akwazi ukufumana ulwazi olubanzi aludingayo.
“Abaphulaphuli bale nkqubo kwakunye namafama bayibiza ngegama elithi nguGxothindlala, bambi bathi nguZanentlutha, besenziwa ke lulwazi oluhlala luphokoka imihla ngemihla, nenkuthazo kumalinge okuvelisa ukutya,” kutsho uBheyi Wezolimo.


Ixhaswa yi kunyene
IRASMENI IZANETHUBA LOKUPHUMELELA KWABAFUNDI BELI PHEPHANDABA.
OPTION A OPTION B OPTION C
ABAFUNDI ABATHATHU BANETHUBA LOKUPHUMELELA ENYE YEZI OPTIONS
Indlela yokungenela:
1) Sithumelele umyalezo kwikhasi lethu likaWhatsApp kwinombolo engu 072 195 0415, faka igama nefani, ne Option oyikhethayo. 2) Bhala imigca emithathu usixelela ngesona sifundo usithandayo kolu luhlo, unike besizathu soko