Member of The Association of Independent Publishers Editorial Tel. 084 229 6399 | 021 4222 228 Editorial Address: 85 St. George’s Mall Cape Town.
DUNOON | JOE SLOVO PARK | WOLVERIVIER | KWA 5 | KILLARNEY GARDENS | MONTAGUE GARDENS | MILNERTON | TABLE VIEW | WITSAND
I-MyCiTi yandisa uthungelwano lwayo lwezothutho ngokongezelelekileyo Inkonzo yaseKapa yeebhasi yala maxesha, eluncedo, i-MyCiTi, imisela imizila emitsha enika iinkonzo, ntoleyo eyenza kube lula ukufikelela kumathuba emisebenzi kunye nawokonwaba nokuba usuka phi kuthungelwano lweendlela olwandayo.
zothungelwano. Wakuba ukhwele ebhasini ungakwazi ukutshintsha ukusuka komnye umzila, uye komnye, kwizikhululo nakwiindawo emisa kuzo ibhasi uyokufika naphi na kuthungelwano olo, nokuba kuselwandle e-Blouberg, uyokonwabela intlanzi neetships e-Hout Bay, utyelele ipaki yokutshebeleza eGardens, ukhwele uye kwiNtaba yeTafile okanye uchithe usuku e-Canal Walk. Imali yokukhwela ibalwa ngokomgama owuhambayo, ngoko ke uhlawula imali enye yokukhwela ngohambo lwakho lonke, kuqukwa naluphi na utshintsho olwenzayo endleleni. Ukuba ngaba uthenga amanqaku okukhwela e-Mover uze uqale uhambo lwakho ngalo nangaliphi na ixesha elingaphandle kwamaxesha kaxakeka asekuseni nasemva kwemini, phakathi evekini, uhlawula ngaphantsi. Oku kuquka iimpela-veki kunye neentsuku zeeholide zikawonke-wonke. Ngowe-2 Aprili 2016, olu thungelwano luza kwanda kwakhona. Umzila wendlela engu261 Adderley – Salt River – Omuramba idlula kwizikolo ezininzi kunye neendawo zolonwabo, ezifana ne-Old Biscuit Mill kunye ne-Woodstock Exchange. Ikwaqhagamshelana nesikhululo seebhasi neetaxi esise-Golden Acre kunye nesikhululo sikaloliwe saseKapa. Kananjalo iMyCiTi izakwanda iye kufikelela eSummer Greens kunye
I
phantse ibe mithandathu iminyaka yaqalayo ukusebenza i-MyCiTi kwaye zingaphezulu kwezigidi ezingama-40 iihambo zabakhweli esele zenziwe. Amawakawaka abakhweli anamakhadi e-myconnect kwaye yonke imihla asebenzisa le nkonzo yezothutho lukawonke-wonke ikhuselekileyo, ithembekileyo, nefikelelekayo, ukuya emisebenzini, ezikolweni okanye ukonwabela nje ubuhle bendalo, izinto zolonwabo nokuzipholela, nento ezikhoyo eKapa. Ukusuka e-Atlantis emantla ukuya e-Hout Bay emazantsi, nokusuka e-Mitchells Plain naseKhayelitsha kwimpuma ukuya e-Sea Point entshona, ngoku kukho ama-37 eendlela ezithungelelanayo ze- MyCiTi ezinika iinkonzo kwizikhululo ezingama-42 kunye neendawo ehamba isima kuzo ibhasi, ezingama-366. Umahluko wokwenene ngeMyCiTi ziimpembelelo
Zifumanele ikhadi lakho le-myconnect
W
onke umntu oneminyaka engaphezulu kwemine ubudala, kufuneka abe nekhadi lakhe lemyconnect(liyi-R30 kwizikhululo zeMyCiTi) elifakwe imali okanye amanqaku okukhwela eMover. Ngethutyana elifutshane, ungakwazi ukuthenga ikhadi Indawo Canal Walk Milnerton Mall Atlantis Mall
nge-R30 elinamanqaku eMover angama-30 owafumana simahla. Phatha imali eyi-R30 kunye neNcwadi-sazisi (ID) yakho, uye kwezi ndawo zilandelayo zilandelayo phakathi kwentsimbi ye-08:00 kusasa ukuya kweye-17:00 emalanga. Umhla nexesha
1 – 2 Aprili 09:00 – 17:00
3 Aprili 09:00 – 14:00
Kungekudala i-MyCiTi iza kube ihamba kwindlela iKoeberg ukusuka kwisikhululo sase-Omuramba isiya kwisixeko idlule kwindlel i-Albert e-Salt River nase-Woodstock, kananjalo yandise ukufikeleleka kwayo kwimimandla yase-Summer Greens, Century City nase-Milnerton.
nenxalenye enkulu yeJoe Slovo Park, iMilnerton neendawo ezithile eCentury City. Umzila wendlela obizwa- 260 Summer Greens – Woodbridge Island uza kuhamba kwiindlela Bosmansdam, Koeberg naseLoxton ukuya elighthouse eMilnerton. Umzila wendlela i- 262 Century Gate – Century City uhamba phakathi kwendawo yokungena ekwindlela iBosmansdam uye e-Century City kwaye udibanisa i-Central Park, Canal Walk, kunye nesikhululo sikaloliwe sase-Century City. Kananjalo ezi nkonzo zinika
abakhweli abasuka e-Atlantis, eDunoon nakwezinye iindawo okuninzi abangakhetha kuko, ukusuka kusasa kude kube sebusuku. Kuza kusetyenziswa iibhasi ezincinci zeMyCiTi ezibude buziimitha ezilithoba. Kuzakubakho iindawo zethutyana zokumisa iibhasi kwezinye indawo ngelixesha kusakhiwa amajelo asisiseko esi sisigxina. Abakhweli abasebenzisa iibhasi zakwa-Golden Arrow kufuneka baqaphele ukuba iinkonzo ezithile ziza kuchatshazelwa ziinkonzo ezintsha ze-MyCiTi. Jonga
amaphepha ndaba ngeenkcukacha okanye utsalele umnxeba kwiZiko leeNkcukacha ngezoThutho.
Fumana okongezelelekileyo Yiba kunye nathi kwiiseshoni zokunika iinkcukacha kuluntu, apho amagosa ethu ayakube esabelana ngolwazi nenkcukacha ezimalunga nemizila emitsha yeebhasi kwanokuba isebenza njani na inkqubo ye-MyCiTi. Jonga kwiphepha lesi-3.
Imbono yam malunga neenkonzo zeMyCiTi
U-Ashleen September, wase-Atlantis “Intombi yam iqhele ukusebenzisa ibhasi xa isiya esikolweni. Kungekudala ndiza kuqala emsebenzini omtsha kwaye ndiza kusebenzisa ibhasi xa ndisiya emsebenzini. Ndiyakuthanda ukusebenzisa ikhadi le-myconnect kuba akukho mfuneko yokuba ndihambe ndiphethe imali.”
Tsalela umnxeba kwiziko lolwazi lezothutho (inombolo engahlawulelwayo 24/7) 0800 65 64 63 www.myciti.org.za cofa u-*120*1040#
UVuyisile Balibese, waseDunoon “Iibhasi zeMyCiTi zilungile. Ziqinisekisa ukuba andilahlekelwa ngumsebenzi wam ngokuthi zindithathe ziye kundibeka kwindawo yam yempangelo eTable View, ngexesha. Ngoko ndiyakwazi ukukhulisa abantwana bam.”
Myciti Bus Transport for CapeTown
@MyCiTiBus
URomano Moses, wase-Atlantis “Ukusebenzisa ibhasi yeMyCiTi kuxabisa ngaphantsi (xa kuthelekiswa nezinye iindlela zothutho zikawonke-wonke). Ibutshintshile ubomi bam. Mna nabahlobo bam, siyakwazi ukwenza izicwangciso zethu zangeempela-veki ngokwenza izinto ezininzi ezahlukeneyo.”