Finaleskom fp amended 4th draft

Page 1

2

D-TOWN NEWS

Ulwazi ngeforam yeencukhacha zokhuseleko lokuntu yaseKoeberg

Icandelo 26(4) lomgaqo weNNR, “Onephepha-mvume lokufakela inyukliya unyanzelekile ukuba aseke imbizo yoluntu jikelele ejongene nezokhuseleko loluntu ukuze yazise abahlala kulomasipala malunga nezicwangciso ezingxamisekileyo kukhuseleko kwinyukliya nerhasi yayo.

Yintoni le mbizo yeenkcukacha zokhuseleko lokuntu? Le mbizo ingumhlangano ohlalwa kaNe ngonyaka. Isetyenziswa njengethuba lokwazisa abahlali bakumasipala ongqonge iKoeberg Nuclear Power Station ngenkcukacha eziyelelene nenyukliya. Le mbizo ikwanika ithuba kubahlali ukuba babuze imibuzo ngako konke abanqwenela ukwazi malunga nesikhululo sombane wenyukliya saseKoeberg.

Yeyiphi imiba ekuthethwa ngayo? Le mbizo ishukuxa nawuphi na umba uchaphazela ezempilo, okusingqongileyo nezokhuseleko ngokwesicwangciso senyukliya.

Ngubani ekufuneka aze? Wonke ubani ohlala kumasipala ongqonge iKoeberg, wonke ochaphazelekayo kunye nalowo unomdla. Nemibutho okanye umntu oxhalabileyo ngokhuseleko lwakhe kwinyukliya neradiation wamkelekile. Abo banomdla wokuzimasa le mbizo banyanzelekile ukuba babhalise njengamalungu alembizo.

Ndibhalisa njani? Thumela iemail enenkcukacha zakho kuledilesi PienaaSZ@eskom.co.za, tsalela ku 021 550 5263 okanye ifeks ku 086 577 8873.

Ihlalwa nini le mbizo?

Imbizo yaseKoeberg Yeenkcukhacha Zokhuseleko Loluntu

Bonke abahlali, abo banomdla kunye nemibutho, bayamenywa ukuba bazimase Imbizo Yoluntu Yeenkcukacha Ngokhuseleko Loluntu. Inkcukacha zalembizo nazi:

Imiba • Ingxelo yekota yonyaka yokhuseleko lwenyukliya eKoeberg • Ingxelo-mbaliso ngeThala Lolondolozo Lwendalo lwaseKoeberg • Ingxelo ngokuzilolonga kweKoeberg okugunyaziswa nguMlawuli weNukliya kuZwelonke (NNR) • Ingxelo ngokuchaphazeleka kwoCwangciso Lokukhupha Abantu Kwimo Yongxamiseko yaseKoeberg okubangelwe kukukhula kweWolwerivier

Umhla: 26 March 2015 Indawo: eVisitors Centre, Koeberg Nuclear Power Station Ixesha: 19:00 Ukuba uzakuza kwimbizo, yazi ukuba kuzakudingeka ukuba ukhuphe isazisi ukuze ungene kwisakhiwo. Veza enye yezi zilandelayo - ipasipoti, ilayisenisi yokuqhuba yaseMzantsi Afrika okanye isazisi saseMzantsi Afrika. Ngenkcukacha ezithe vetshe tsalela uLewis Phidza ongumphathi weKoeberg Stakeholder Management ku 021 550 5758 okanye ubhalele ku PhidzaNL@eskom.co.za. Kungenjalo, tsalela umnxeba uBernice Rodrigues kule nombolo +27 21 550 5227 okanye umbhalele umyalezo kule email RodrigB@eskom.co.za.

Nazi iintsuku zokuhlalwa kwe mbizo kulo nyaka ka2015: ngoLwesine umhla we26 kaMarch, ngoLwesine umhla we25 kaJune, ngoLwesine umhla we30 kaSeptember, kwakunye noLwesine umhla we26 kaNovember.

Ndingathetha nabani? Ngenkcukhacha ezithe vetshe tsalela uLewis Phidza ongumphathi weKoeberg Stakeholder Management ku 021 550 5758 okanye ubhalele kwi email ethi - PhidzaNL@eskom.co.za, okanye uqhagamshelane noBernice Rodrigues ku 021 550 5227 okanye kwi email ethi RodrigB@eskom.co.za.

For news tips and comments including advertising email dtowncommunitynews@gmail.com and or call 084 229 6399 alternatively 072 630 4740.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Issuu converts static files into: digital portfolios, online yearbooks, online catalogs, digital photo albums and more. Sign up and create your flipbook.
Finaleskom fp amended 4th draft by Iliso Labantu, the people's eye News - Issuu