
1 minute read
XHOSA SUMMARY
by WCDOA pubs
12 IINGOZI ezikhathaza imfuyo yasekhaya ngexesha leKrismesi
Ukukhathalela imfuyo yasekhaya ngexesha leziyolo zeKrismesi kumZantsi Afrika, ixesha le krismesi lonwatyelwa ngeentyatyambo ezidubulayo, ubuhle belanga nolonwabo olubhalwe ebusweni babantu, oku kwenzeka de kube kufike ixesha elingamkelekanga lokuya kugqirga wemfuyo nebelingacwangciswanga.
INGOZI 1: Izinto zokudla, Imihombiso nkqu namalaphu asetyenziselwa ukuhombisa ayaginywa zizinja neekati ze abangele ukuvaleka okusemathunjini.
INGOZI 2: Izikhonkwane ezifakwa enyameni kunye namathambo anokufumaneka ekutyeni kwange krismesi nazo zingenza umonakalo emathunjini enja/ikati xa zinokuwatya.
INGOZI 3: i Chocolate, i Xylitol, Nuts, Izidiliya, Amatsweles, i Garlic kunye nee Rasentyisi ziyazenzakalisa izinja/ikati. Akufuneki ukuba izinja/ikati ziphiwe nenye yezi zinto.
INGOZI 4: Isiselo esinxilisayo nesifumaneke silahlwe nje singaselwa zizinja/iikati, nto leyo inokukhokelela ekuthyefekeni ngotywala.
INGOZI 5: Nayo intsangu iyazinxilisa izinja/iikati. Thetha inyani kugqirha wemfuyo xa usazi ukuba inja yakho ikhe yatya intsangu.
INGOZI 6: Iyeza lokubulala izitshabalalisi liyazenzakalisa izinja/kati. Kungcono usebenzise isigcayiseli samabuzi neempuku kunokusebenzisa ithyefu.
INGOZI 7: Amayeza. Sukuwashiya amayeza endaweni apho inja/ikati inokuwafumana khona.
INGOZI 8: Ukufa icala nomzimba ongenamanzi. Qinisekisa ukuba izinja/kati zakho zisoloko zinamanzi acocekileyo okuselaa yaye nendawo yikuzikhusela elangeni.
INGOZI 9: Ukushiywa. Akufuneki siphane izinja/ikati ngokungenankathalo. Ukufuya inja/ikati kufuna imbopheleleko yexesha elide.
INGOZI 10: Ukushiya inja/ikati yodewa. Akufuneki inja/ikati zishiywe zodwa. Fumana umntu ozakushiyeka nenja/ikati yakho ukuba awuzukwazi ukuya nayo kwiiholide.
INGOZI 11: Amatheko. Yifumanele igumbi elikhuselekileyo nelinenzolo inja/ikati yakho ukuze ihlale kuyo ngelithintela uxinezelelo.
INGOZI 12: Usenokungabikho ugqirha wemfuyo. Qinisekisa ukuba ungamfumana phi omnye ugqirha ngexesha likaxakeka. AP