D town news mar 1

Page 1

D

Community talk without fear or favour

TOWN NEWS

MARCH 2015 • ISSUE 8

Lugxothiwe usapho kwiRDP yalo

Abakhutshwe ngenkani, uMbulelo Mhlanganiso nonkosikazi uNomini phambi kwendlu yeRDP yabo, eyadilizwa ligosa lenkindla ngethuba bezokukhutsha ngenkani.

Intatheli yeD-Town

Lonyana ogama linguNicholas Mthecu, 34, siphumelele isicelo sakhe sokufumana isigunyazizo sokugxotha uMbulelo Mhlanganiso, 46, ongumyenu kunye noyise wabantwana ababini abaminyaka elithoba neshumi elinesithathu.

eseIngwe Street. UMhlanganiso wayithenga lendlu ku Zongezile Mthecu ngo-2000 owasweleka ngo-2002. UMhlanganiso uthi phambi kukuba atshabe uMthecu omdala wazama ukutshintsha itayitile yendlu kodwa zaphanzi inzame zakhe kuba umthetho iSection 10A yeHousing Act ubesisiqobo. Lesection ithi ofumene lendlu eyinxaso karhulumente akakwazi ukuyithengise engakhange aqale anike ithuba luba lokuyithenga kurhulumente phambi kweminyaka esibhozo eyifumene.

Lophumaphele udale uqhushululu eDu Noon abahlali bengakwicala likaMhlanganiso befunga ukuba uMthecu akazulibeka kulendlu

Oku kwachazwa kuMhlanganiso ngabasebenzi besiXeko abamcebisa ukuba aye kwisikhululo samapolisa ayokwenza iafidavidi ezakusebenza

I

ndoda eyathenga indlu yeRDP kwiminyaka elishumi elinesihlanu edlulileyo ayinakhaya emveni kokuvelwa konyana womnikazi wendlu wokuqala emveni kokutshaba kukayise.

njengobungqina bentengiso. Uthi amapolisa nawo amxelela ukuba akanakukwazi ukungina intengiso ngenxa yalomthetho kodwa amcebisa ukuba bangatyikityha iafidavithi besithi lendlu umnika njengesipho. Amapolisa atyikityha nje ngamangqina yaye afaka isitampu koluxwebhu. ID-Town iwabonile lamaxwebhu. ID-Town iwabonile namaxwebhu esiXeko athi umnikazi walendlu ofanelekileyo nguZongezile Mthecu othe wayinika uMhlanganiso. Kodwa akukwazeki ukuphiswa kwendlu iminyanka elithoba ingekadluli ngokutsho kwalomthetho. UNicholas lo uhlala eJoe Slovo Park eMilnerton waya kwiNkundla ePhakamileyo apho

anikwe isigunyaziso sikaphumaphele esiye sasetyenziswa ngeLwesibini weveki edlulileyo esenze umsindo ebahlilini. “Akazungena kulendlu. Thina sazi uMhlanganiso ongumnikazi,” batshilo abahlali abangafunanga ukusinika amagama abo besoyika ukubanjwa kuba bephazamisana nesigunyaziso seNkundla. “Ndayithenga nge-R10 000 lendlu. Ukuba uNicholas ufuna ukundibuyekeza imali yam kufuneka andinike i-R100 000 kuba inenzala yaye lixabiso leRDP zithengiswa ngoku elo,” utshilo uMhlanganiso. UNicholas uthe lendlu yekayise yaye abahlali mabahlukane naye. Walile ukuxoxa ngalomba neD-Town.

IN THIS ISSUE

pg 2

pg 3

pg 4

For news tips and comments including advertising email dtowncommunitynews@gmail.com and or call 084 229 6399 alternatively 072 630 4740. Visit our Facebook page Du Noon to post birthday wishes, funeral announcements for your loved ones and other community announcements.


Turn static files into dynamic content formats.

Create a flipbook
Issuu converts static files into: digital portfolios, online yearbooks, online catalogs, digital photo albums and more. Sign up and create your flipbook.